UPlummer wonelisekile yimpumelelo yeqela lesizwe

Omabini amaqela esizwe omnyazi i-SPAR Proteas ngokunjalo neBaby Proteas azihambele lula kwimidlalo yawo neWales, kukhuphiswano lweSPAR Challenge International Netball Series.

Kwimidlalo yamagqibela kankqoyi ngeCawa, iiProteas zibethe iiWales ngo’64-5 ngelixa iiProteas zabancinci zibethe kwa-iWales ngo’88-21.

IiProteas khange ziqhube kakuhle ekuqaleni komdlalo, ingakumbi kumdlalo wesithathu nowamagqibela kankqoyi. IWales nebekwa kwindawo yesibhozo kwihlabathi, iqhube kakuhle kwikota yokuqala. Kwikota yesibini iiProteas ziqalile ukubuyela emdlalweni, kodwa la maqela omabini ebemane ukutshintshana ngokukhokela umdlalo. Emva kokuba kubuyiwe ekhefini uMzantsi Afrika uye wakhokela ngamanqaku alishumi ngaphezulu. U-Izette Lubbe uye wonzakala edolweni, indawo yakhe yathathwa ligqala lo mdlali kweli qela * -Erin Burger. Yena umdlali ofaka ibhola uLenize Potgieter uye waqhwalela wakhutshwa emva kokuba ekrunekile.

Umqeqeshi weProteas, uNorma Plummer uthe wonwabile yindlela elidlale ngayo iqela lakhe kumaqela esizwe.

“Siphumelele kakuhle kakhulu, kwaye ndonwabile. Bendinabadlali abalishumi elinesine kwaye bonke balifumene ithuba lokudlala. Ndiye ndazifaka emgciphekweni, ngokudlalisa abadlali abatsha abathathu, kodwa ndibonile ukuba ume kakuhle uMzantsi Afrika kwibhola yomyazi,” utshilo uPlummer.

“Indlela abagibisela ngayo inikisa umdla.”

UPlummer uthi, iyamonwabisa indlela abazimisela ngayo ngomdlalo wabo abadlali beli.