UPollock unethemba kwiProteas

KWIIProteas ayibalulekanga into yokuba zizikhande inyheke ngokudlala kakubi kwimidlalo yokuvula kule tumente idlalwa ngamazwe amathathu.

Utsho uShaun Pollock owayekade edlala njengekapteni kwiProteas.

UMzantsi Afrika usecicini lokuya kumdlalo wamagqibela kankqoyi. Impumelelo yawo ngoLwesihlanu xa udlala neWest Indies izakuba litikiti lokuya kumdlalo wamagqibela kankqoyi.

Ethetha ePitoli nalapho ebesebenza nabadlali kwiCSA Centre of Excellence, uPollock uthe ukungadlali kakuhle kweProteas akuyonto ebekufanele ukuba yenza ixhala kwesi sigaba.

“Le tumente kubo kufuneka ibemayelana nokuya kumdlalo wamagqibela kankqoyi kwaye badlale ngokuzimisela kakhulu kulo mdlalo.

Umdlalo wamazwe amathathu umayelana nalo nto. Kubonakala ngathi basendleleni eyiyo,” ucacise watsho uPollock

Enye yezinto ezisokolise iProteas kule midlalo libala laseGuyana eWest Indies. UPollock imeko yebala uyichaze njengeyonanto isokolisayo kwiqakamba, kodwa ukwathi loo nto ingakwazi ukulungiselwa.

“Bakhona abadlali abambalwa kwela qela abangekaqiniseki ncam ngomdlalo wabo, ingakumbi kwicala labagibiseli. Kukho iimini apho badlala kakuhle, kodwa kubekho iintsuku apho bahlisa umgangatho,” utsho uPollock.

Into emanelisayo uPollock kwaba badlali ngumdlalo wabadlali ababini * -Imran Tahir noTabraiz Shamsi. “Iyandwabisa into yokubanomdlali owahlukileyo,” utshilo uPollock xa ebhekisa kuShamsi ogibisela ngesandla sasekhohlo.

Lo mdlali sele ewise oothinti abathathu kwimidlalo emibini.