Umqeqeshi weSpringbok Sevens, uNeil Powell, uqinisekile ukuba utshintsho lwabadlali abane alenzileyo kwiqela lakhe, ukulungiselela itumente ezayo eParis kuzakulinceda iqela ukuba lenze into afuna liyenze kule mpelaveki.
UFrancois Hougaard, Rosko Specman, Philip Snyman noDylan Sage ngabadlali abatsha abangakhange badlale kwitumente ibibanjelwe eSingapore. USnyman kulindeleke ukuba ibenguye ozakuthabatha iintambo nje- ngekapteni, endaweni kaKyle Brown.
IiBlitzboks zimkile kweli loMzantsi Afrika ngeCawa zileqa eParis, uPowell uqinisekile ukuba iqela lakhe lizakudlala kakuhle kakhulu kule mpelaveki ukuba abadlali balandele imiqathango abayinikiweyo.
“Sineenjongo zokuba siphinde sibatshintshe abadlali kwakhona emva kwale tumente yaseParis, xa silungiselela ukuya eLondon, kodwa ngoku silungiselela ukuya eParis. Ndiyalivuyela eli qela lityunjiweyo,” utshilo uPowell.
“Sizakujamelana namaqela amakhulu eParis sibotshwe neNgilane, i-Australia neBrazil, kwaye iyasisebenzela thina loo nto kuba silungiselela ukuya eRio kwezi nyanga zizayo. Sizakuzama ukuqwalasela kakhulu kwiziseko zethu, ukuba senza le nto siyaziyo ngokucacileyo, iziphumo ziza- kubonakala.”
USnyman uwujonge ngamehlo abomvu umceli mngeni wokuba yikapteni kulo mdlalo.
“Ukuthatha isikhundla sokuba yikapteni kuKyle yinto endiyijonge ngamehlo abomvu. Sisebenzisana kakuhle kakhulu sobabini, loo nto ithetha ukuba ndilungxamele uxanduva olongezelelweyo. Kufuneka siqwalasele imidlalo yaseParis ngoku. Umdlalo wokuqala xa sijamelana neNgilane ngowona mkhulu, siyayazazi ezona ndawo sibalaselayo kuzo,” utshilo uKyle.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo