UPowell uqinisekile ngeqela eliya eRio

Ukubuyiselwa kombhoxo kwimidlalo ye-Olimpiki ezakuba seBrazil, kuza kunika uMzantsi Afrika ithuba lokuba ubuye nenye imbasa ngaphandle kwale yombhoxo, kukho ithemba lokuba uMzantsi Afrika ungafumana imbasa kwi-athletiki nakubadlali ababhabhayo.

Umbhoxo wabadlali abasixhenxe ubuyela kule midlalo emva kweminyaka elikhulu ungekho kule midlalo. Umqeqeshi weBlitzbokke uNeil Powell kunye nabafana bakhe, bazakuqala le tumente njengelona qela lisethubeni lokufumana imbasa yegolide.

IBlitzbokke igqibe isizini ephelileyo yeSevens kwindawo yesibini, emva kweFiji, kwaye ngokwasezimbalini abafana bakaPowell balelinye lamaqela amakhulu kumbhoxo weSevens. UPowell ukhethe abadlali abanamava kakhulu, uninzi lwabo lwalubuye nembasa kwimidlalo yeCommonwealth ngonyaka ka2014. Kulo nyaka ukhona umahluko kuba abadlali uWarren Whiteley, Brian Habana, Schalk Britz, Cornal Hendricks, Frankie Horne noBranco du Preez abekho kweli ityeli.

Nangona kunjalo maninzi amava kweli qela lizakuya eRio, ikapteni uKyle Brown, uRocko Specman noSeabelo Senatla, ngabadlali abanokwazi ukuyityhalela phambili inqwelo yeqela lesizwe.

Eyona nto yothuse abantu abaninzi ngelixa kubhengezwa abadlali abazakumela iBlitzbokke, kukufakwa kukaWerner Kok. Lo mdlali wonyaka kwiSevens kwenye isizini, khange adlale yonke le sizini iphelileyo. Ukwenzakala edolweni kuko okuye kwabambezela lo mdlali akabi nandlela yokubonakalisa isakhono sakhe, kodwa uPowell ukholelwa ukuba lo mdlali uzakwangeza ubuchule kwiqela lakhe.

“Khange kube lula ukutyumba abadlali abalishumi elinambini,” utshilo uPowell. “Bendinokutyumba amaqela amathathu ohlukeneyo, onke ebezakuwenza umsebenzi , kodwa ngelishwa kufuneka abadlali abalishumi elinambini.