UPrudence Sekgodiso ufundile kwimpazamo yakhe kwi’Olimpiki

Imbaleki yaseMzantsi Afrika, uPrudence Sekgodiso, izibonile iimpazamo ezenzileyo emva kokuphoswa yimbasa kwi’Olimpiki. UPrudence uwe phantsi kwilinge lakhe lokugqibela emgameni oyi800m ephunyelelwe nguKeely Hodgkinson obaleke imizuzwana engaphantsi komzuzu (56.72sec). Emva kwakhe kulandele uTsige Duguma wase-Ethiopia (1:57.15) noMary Moraa waseKenya kwindawo yesithathu (1:57.42). Nangona isiqalo sakhe besingekho sibi – kodwa akakwazanga ukunyusa umxakatho wafika entanjeni mgqibeli ebaleke ngaphezulu komzuzu (1:58.79).

Akukho nto yonakeleyo ngoba uPrudence ebeqala ukubaleka kwitumente enkulu ehlabathini. Ukungabinawo amava kukona kumbethileyo. Okuhle kukuba uzibonile iimpazamo zakhe futhi ufundile kuzo. “Isiqingatha sam sokuqala khange sihambe kakuhle. Ndicinga ukuba ndimoshe amandla ngoba bendibaleka endaweni ebendivalelekile kuyo. Leyo ibe yimpazamo enkulu endiyenzileyo. Umqeqeshi wam uza kuxabana nam ngaleyo into,” utshilo uSekgodiso ebekuthenjelwe kuye lilizwe.

“Kodwa ke ndisifundile isifundo. Okubalulekileyo ngoku kukwamkela okwenzekileyo ndijonge phambili kwizinto ezizayo. Bendinalo ithuba lokusukela ndisahamba nezinye iimbaleki. Izinto zonakele xa sijonge entanjeni. Ndivele ndaphelelwa ngamandla xa ndidlulwa ziimbaleki zonke. Kodwa ndiye ndazixelela ukuba mandinyamezele ndide ndilugqibe ugqatso. Ndonwabile ngoba ndikwazile ukufikelela kumjikelo wokugqibela,” utshilo uSekgodiso emva kwelinge lokugqibela kwi’Olimpiki.

Kwiveki yesibini imidlalo entlobo ntlobo oqalile eParis, eFrance, zine iimbasa esele zizuzwe nguMzantsi Afrika. Kukho ukuphucuka kancinci kwindlalela iqela loMzantsi Afrika elaqhuba ngayo eTokyo, eJapan, ngo2020. Nakubeni kungekagqitywa, akubonakali ngathi uMzantsi Afrika ungazuza kakhulu ngoba abona bantu ebekuthenjelwe kubo kakhulu ngaba sebehambile. Phambi kokusongwa kwalo unyaka, uSekgodiso uthi uzimisele ukubaleka kwiDiamond League noba kukanye.