UPule noDzvukamanja bajike amatye azizonka yaphuma engxakini iPirates

Emva kwemidlalo eliqela i-Orlando Pirates ingaphumeleli, ekugqibeleni ide yabancumisa abadlali bayo. Oku kwenzeke emva kokuba iPirates igubungele Abafana Bes’thende ngamagowuli amathathu kwelinye (3-1) emdlalweni weDStv Premiership obumhle e-Orlando Stadium namhlanje emalanga. Phambi komdlalo ewuphumeleleyo namhlanje, iPirates ibethwe yiCape Town City ngamagowuli amabini kwelinye eKapa kwiveki ephelileyo. Phambi kokuvala unyaka ogqithileyo (2022), Ezimnyama zibethwe yiMamelodi Sundowns neKaizer Chiefs. Bekunyanzelekile iqela likaJose Riveiro ukuba lilungise izinto phambi kokuzibhaqa lisendaweni embi kwiDStv Premiership.

Nakubeni isiqingatha sokuqala somdlalo besingenamtsalane – kodwa iPirates ikwazile ukufumana igowuli elifakwe nguMonnapule Saleng emzuzwini wamashumi amathathu. Noxa uTapelo Xoki, uNkosinathi Sibisi noBandile Shandu benze iimpazamo eziphantse zadala ingxaki, iPirates ikwazile ukukhusela igowuli layo kwade kwaphela isigaba sokuqala somdlalo. Banyuse umxakatho Abafana Bes’thende ekuqaleni kwesigaba sesibini. Bekucace gca ukuba bakhangela igowuli lokulinganisa naba nokuphumelela ngalo umdlalo. Emva kokuzama amatyeli eliqela, iArrows ide yalifumana igowuli elifakwe nguVelemseni Ndwandwe ofumene ibhola ebidlalwe nguKnox Mutizwa obeyinkathazo enkulu kubadlali abadlala emva kwiPirates.

UNdwandwe, ofake igowuli lokulinganisa kwisigaba sesibini, ungene kwacaca. Kuthe kwakubonakala ukuba iPirates iyasokoliswa yiGolden Arrowns, uRiveiro ufake uTerrence Dzvukamanja noVincent Pule. Bobabini aba badlali bajike amatye azizonka emizuzwini yokugqibela. UDzvukamanja noPule bafake amagowuli amabini ephumelele ngawo iPirates kwixesha likasompempe. Ngalo ndlela, iPirates ibethe ngamagowuli amathathu kwelinye iGolden Arrows eye emdlalweni wanamhlanje ikhuthazekile emva kokubetha iSuperSport United kwiveki ephelileyo. Ngoku iBucs inyukele kwindawo yesihlanu – kanti yona iArrows ihleli kwindawo yethoba kwiDStv Premiership. Komnye umdlalo wanamhlanje, iRichards Bay izibethe iMarumo Galants ngamagowuli amabini afakwe nguSanele Barns noTshepo Wilson Mabua.