UPutuma uncwase ukuya eYurophu

Wandile Putuma of the Border Bulldogs during the 2016 Absa Currie Cup match between Golden Lions and Border Bulldogs at the Ellis Park Stadium in Johannesburg, South Africa on April 08, 2016 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Kwiminyaka elishumi edlulileyo umdlalo wombhoxo waseMzantsi Afrika ubuthiwe mbende lufuduko lwabadlali abakhangela amadlelo aluhlaza eYurophu, into eyayinqabile ngaphambili.

Umdlali weGriquas, uWandile Putuma, uthi uncwase ukugqibezela ikhono lakhe eYurophu. “Iminyaka iyahamba, kufuneka ndicinge ngekamva lam ngoku. Ngokwasezimalini ukuya eYurophu kungandinceda kakhulu,” utshilo.

Le nzalelwane yaseMonti ithi kuninzi ekufundileyo kumqeqeshi uPeter Engledew. “Ungumqeqeshi obathandayo abantu abakhutheleyo.Ukusebenza naye kuluncedo kakhulu,” utshilo uPutuma.

Nangona boyisiwe kukuphumelela iSupersport Challenge, uPutuma uthi badlale kakuhle beliqela. “Ewe, seva kabuhlungu kukubethwa kwethu kumdlalo wamagqibela kankqoyi. Khumbula ibisehlela okwesibini le nto. Kodwa sibe nesizini entle kakhulu siliqela,” utshilo okaPutuma.

IGriquas ibethwe yiPumas kumdlalo wamagqibela kankqoyi weSupersport Challenge, kanti nakwisizini ephelileyo, yabethwa kumdlalo wokugqibela yiWestern Province.

UPutuma (28) unqwenelele impumelelo oogxa bakhe awayedlala nabo kwiBorder Bulldogs abakwiqela lesizwe uLukhanyo Am noMakazole Mapimpi.

“Ndisanxulumana nabo bobabini, ingakumbi uMakazole. Ayasebenza kakhulu la madoda kwiSharks. Ndiwanqwenelela impumelelo kwiBoks. Ndinqwenela ukuba babeyinxalenye yamadoda aza kuqala umdlalo,” utshilo uPutuma.

IBoks ingquzulana neArgentina eThekwini ngoMgqibelo emalanga. Kunyanzelekile aphumelele yomibini imidlalo amakhwenkwe kaRassie Erasmus ukuze afike ezithembile kwiNew Zealand. Ukanti iAll Blacks zingquzulana neWallabies, eSydney emin’ emaqanda ngoMgqibelo kumdlalo oza kutak’iintlantsi.