Uqalile ukusebenza unobhala weFIFA

Unobhala jikelele wombutho olawula ibhola ekhatywayo kwihlabathi iFIFA, nongumntu wokuqala wasetyhini ukubamba esi sikhundla uqalile ukwenza umsebenzi wakhe kulo mbutho wambethwe ziingxaki.

Inzalelwane yaseSenegal uFatma Samoura uthi eyonanto yokuqala ajamelene nayo kukuba afumane abantu abazakuvala izikhundla ezingenabantu. Ezi zikhundla ziquka esomntu ozakujongana nezimali nese- chief compliance officer.

USamoura ebebhengezwe njengomntu ozakubamba esi sikhundla kwinyanga ephelileyo, kwisibhengezo esikhulu esenziwa ngumongameli omtsha weFIFA uGianni Infantino. U-Infantino ukwiphulo lokulungisa zonke iingxaki zeFIFA emva kokuba ethathe iintambo kuSepp Blatter.

Phambi kokuza kwesi sikhundla uSamoura usebenze kwi-United Nations iminyaka engamashumi amabini. Bobabini abasebenze phambi kwakhe njengoonobhala, uJerome Valke noMarkus Kattner bagxothwe ngenxa yezityholo zobuqhophololo.

UValcke uyalandelwa ngezityholo zokwaphula umthetho ekunye noSepp Blatter.

USamora uthi ibalulekile into yokubuyiswa kwesidima seFIFA, kulandela izityholo kunye namatyala obuqhophololo agujululwe kulo mbutho kunyaka ophelileyo. “Into yesibini ekufuneka ndiyijonge kakuhle ngabasebenzi. Abebesoloko bephantsi koxinizelelo, kwezi nyanga zilishumi elinambini zidlulileyo, ngenxa yala mabholo obuqhophololo.” Utshilo. kudliwano ndlebe lweFIFA.

Lo kaSamoura ukwanikwe negunya lokuba athathe izigqibo kwimiba elolu hlobo, into ethetha ukuba uzakusebenza kwanje ngengqonyela.