Uqaqambile uMihlali Mosi nangona iMadibaz iligubu elibethekayo kwiVarsity Cup

UMihlali Mosi ngumdlali weMadibaz.

Izinto azikayihambeli kakuhle iMadibaz ukusukela oko kuqale isizini entsha yeVarsity Cup. Mithathu imidlalo eyidlalileyo iMadibaz – kodwa akukho namnye ewuphumeleleyo. Nangona yayigqugqisa kwiVarsity Shield – kodwa ukugqwidiza kwayo bekulindelekile xa idibene namaqela ekudala ekhona embhoxweni okwinqanaba eliphezulu. Nangona kunzima kuyo, kukho umdlali ogama linguMihlali Mosi ozibalule ngokudlala umbhoxo ophucukileyo emidlalweni egqithileyo. UMosi, 25, akanikezeli nokuba liphantsi koxinizelelo kangakanani na iqela lakhe. Ukunyamezela kwakhe kumenze wagqama emidlalweni yeVarsity Cup okwenze waphakathi kwabo bathe bawonga ngenxa yokudlala kakuhle.

“Ewe, Ukuzuza iwonga kundenza ndizive kamnandi kakhulu. Kuhle ukubonwa komsebenzi endiwenzayo ebaleni,” utshilo uMosi kutshanje. Le ndedeba ingumfundi kwiYunivesithi yaseGqeberha (Nelson Mandela University of Technology) – apho ifunxa khona ulwazi ngemiba yemisebenzi nabasebenzi. Le ndedeba yakwaNobuhle ithi ingena ebaleni rhoqo izixelele ukuba kufuneka yenze umsebenzi ngokukhulu ukuzimisela ngamaxesha onke. “Xa ndingena ebaleni esiza kudlalela kulo, ndizixelela into ethi “Andinikezeli nokuba kunzima kangakanani na”. Umgangatho wombhoxo kwiVarsity Cup uphezulu kakhulu. Yonke imidlalo idlalwa ngokukhulu ukuzimisela. Kunzima ukudlala kweli inqanaba ngoba onke amaqela aqeqeshwa ngabantu abanolwazi olupheleleyo ngombhoxo,” utshilo uMosi.

Nangona iqela lakhe libethwe kuyo yonke imidlalo eliyidlalileyo, uMosi uthi abadlali bayazama ukuzilungisa izinto. “Into endiyifumanise emidlalweni emithathu esiyidlalileyo kukuba awupheli ingekakhali imppempe. Esikwenzayo thina ngoku singabadlali kukuzama ukulungisa izinto esingazenzanga kakuhle emidlalweni egqithileyo. Ngokwenza njalo, sinethemba lokuphumelela emidlalweni elandelayo,” utshilo uMosi. Emdlalweni olandelayo yeMadibaz, uMosi unethemba leziphumo ezibhetele xa iqela lakhe lidibana neFNB UJ, iFNB Wits neFNB UFS Shimlas.