UQavane wakuGatyane uzenzela igama embhoxweni

Umdlali wombhoxo, uInga Qavane, ngumdlali weNcerha Leopards.

Xa ebuya emva ngeengcinga, uInga Qavane, zange yafika kuye into ethi ngenye imini angabe edlala umbhoxo kwinqanaba akulo ngoku.

UQavane ngomnye wabadlali abazenzele igama emidlalweni ye-EC Super 14 Tournament njengomdlali weNcerha Leopards.

Lo nto zange yathi qatha engqondweni yakhe esemncinci kuGatyane – apho wazalelwa khona ngo1995. Izinto ziguquke akufika esikolweni sakuTsolo apho ebesenza khona izifundo zakhe zoLimo.

“Umbhoxo ndiqale ukuwudlala esikolweni (Tsolo Agricultural College). Ndithe ndisenza enye into eyinxalenye yezifundo zam apha eMonti, ndadibana neli qela ndilidlalelayo ngoku kunyaka ophelileyo. Landithatha emva kokudlala imidlalo yobuhlobo namaqela aseNcerha nakoomaTsholomnqa. Ndadibana njalo ke neLeopards,” utshilo uQavane encokola nentatheli yeli phephandaba.

Kwiveki ephelileyo, iNcerha Leopards, edlalelwa nguQavane, izibethele iHarlequins yaseBhayi ngo’28-18.

Amaqela aseMpuma Koloni alishumi elinesine adlala rhoqo ngeempelaveki phantsi kwe-EC Super 14. Amaqela asixhenxe aphuma eBhayi neziphaluka, kanti amanye aphuma kwiBorder.

Noxa umbhoxo waseMpuma Koloni usaqhwalela ngenxa yezinto ezifana nokunqaba kwenkxasomali kodwa wona usaqhuba.

Abadlali abaninzi banomnqweno wokudlalela amaqela afana neBorder Bulldogs neSouthern Kings edlala kwiPRO14, kodwa amaqela wona adlala kwiSuper 14 abanika ithuba lokuveza izakhono emdlalweni wombhoxo.

Ukusukela mhla wadlalela iLeopards, uQavane uthi kukho umahluko omkhulu kwindlela awudlala ngayo ngoku umbhoxo.

“Ndikhulile kakhulu embhoxweni oko ndathi ndadlalela iNcerha Leopards. Zininzi izinto endizifundileyo kuyo kodwa ke nangoku ndisafunda. Indlela endiwudlala ngayo umbhoxo iphucuke kakhulu kunangokuya ndandisaqala. Umqeqeshi wam, uAndrico van Wyk, undifundise indlela edlalwa ngayo indawo endiyidlalayo ebaleni (flanker). Umdlalo wam ukomnye umgangatho ngoku,” utshilo uQavane othanda uSiya Kolisi weBoks ngenxa yokuzimisela nentobeko yakhe.

Nangona izinto zingayihambeli kakuhle nje iBorder Bulldogs ngenxa yolawulo oluhexayo kodwa yona iseliqela abadlali abaninzi abalibona njengendawo abanokuqaqambisa kuyo izakhono zabo.