Uqinisekile ngendawo yakhe uRakhale

Umdlali wasesiswini kwi-Orlando Pirates uThabo “Jomo” Rakhale uthi akanadyudyu kukufika komqeqeshi omtsha kweli qela uMuhsin Ertugral.

UMuhsin waziwa njengomqeqeshi ongayithandiyo into yabadlali abadlalisa ngebhola ebaleni. Ukufika kuka-Ertugral, nento ebhengezwe kwiveki ephelileyo ukuba nguye ozakube exhuzula imikhala kwiPirates kwisizini ezayo, abantu abaninzi bayibona njengokuphelelwa kwendawo kukaRakhale ukufika kwalo mqeqeshi.

URakhale oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu uthanda kakhulu ukudlalisa phezu kwebhola, kwaye le nto sele ibangele ukuba abe nabalandeli abaninzi kwiPirates. Lo mdlali uthi ukulungele ukunxiba isikipa sePirates kwakhona nokuba ngu-Ertugral umqeqeshi. “Ndiyaweva wona amarhe okuba bakhona abantu abathi kuphelile ngam kwiPirates kuba kufike uMuhsin Ertugral.

“Mna ndingathi batsho phantsi kuba andinalo noluncinci uvalo ngokufika kwakhe kwiPirates. Ndiya yazi ukuba ukufika kwakhe uza kubanika ithuba abadlali abagqibe isizini kweli qela, bezibonakalisa ukuba bafanelekile ukudlala. Ndiyazi kakuhle into yokuba * -Ertugral ngumqeqeshi othethayo kodwa ukwangumqeqeshi ofuna abadlali abazimiselayo ebaleni benze le nto ayifunayo.

“Into yokuba akabafuni abadlali abajikajika ibhola andiyiva kakuhle, ngoba ngelixa engumqeqeshi kwiChiefs wayebadlalisa abadlali abafana noJabu Pule noJunior Khanye nabo ababethanda ukudlala ngebhola. UPule wayedlala phezu kwebhola kodwa esiya phambili ewafaka amagowuli, nam yeyona nto bendiyenza le kwiPirates kwisizini edlulileyo.

“Andiwafakanga mna amagowuli kwisizini ephelileyo? Zange ndiwenze wona amathuba okufaka amagowuli? Ukuba bendidlala ngebhola nalapho kungafuneki khona umqeqeshi * -Eric Tinkler ebengasokuze andidlalise,” utsho uRakhale.