Intshatsheli yalapha eMzantsi Afrika kwi800m uCaster Semenya ukubonakalisile ukuba ebefanenele ukuya eRio, kwaye indlela aphumelele ngayo sisilumkiso nakwabo azakukhuphisana nabo.
Le mbaleki ineminyaka engamashumi amabini anesihlanu, yophule irekhodi layo lalapha eMzantsi Afrika kwimpelaveki esisuka kuyo. Ngoku uSemenya into anokuyijonga kukuphumelela i800m kwihlabathi ngerekhodi afumanane nembasa yakhe yegolide.
Uzibonakalisile ukuba ufikile ngoku uSemenya eBrazil, xa ebesophula eli rekhodi lakhe ngokuhlwa ngoLwesihlanu kwiMonaco Diamond League. Uye wagqiba ukubaleka kugqatso lakhe uSemenya ngo’1:55:33 into ethetha ukuba ubaleke ngaphantsi kwixesha langaphambili elingu’1:55:45.
USemenya uqatsele kunenye imbaleki asokolisana nayo kakhulu uFrancine Niyonsaba ngomzuzwana omnye qwaba. Le nzalelwane yaseBurundi yona ize emva kwakhe.
Abantu abaninzi bebecinga ukuba uSemenya uzakuhlala aphinde athathe inxaxheba kwiDiamond League ngempelaki.
Le mbaleki ikhethe ukwenza into eyahlukileyo ngexesha layo, ngelixa izilungisela imidlalo ye-Olimpiki.
“Bendikulindele ukwenza kakuhle ngale ndlela ndenze ngayo. Ndikungxamele ukufumana imbasa yegolide eBrazil,” utshilo uSemenya.
“Kubalulekile ukuba umntu akholelwe kwisiqu sakhe kwaye yeyonanto indincedileyo ukuze ndiphumelele.
Wonke umsebenzi onzima endiwenzayo ndiziqeqesha uneziphumo ngoku. Ndiza- kubuyela ekhaya ngoku, ndibuyele esikolweni kwiYunivesithi yaseNorth West.”
USemenya wenza izifundo zenzululwazi kwezemidlalo kwaye uzakuqwalasela iincwadi zakhe phambi kwale midlalo.
UNdlozi ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower FM