Uqule waligangatha uMzantsi phambi kwendebe yehlabathi

Faf Du Plessis of South Africa during the 2019 Cricket World Cup press conference at Southern Sun OR Tambo,Johannesburg on 18 May 2019. Pic Lebo Edgar/BackPagePix

Iqela lesizwe
leqakamba loMzantsi Afrika liya kwindebe yehlabathi kulo nyaka lizimisele ukwenza
ngcono kunangaphambili. Omnye wabadlali abanamava nokwayinkokeli kwiProteas,
uFaf du Plessis, uthi iqela lakhe liya kwindebe yehlabathi liqule laligangatha –
kodwa lizakube lilumkile. Kunyanzelekile iProteas yenze izinto ngendlela
eyahlukileyo kwezo zangaphambili eyagqwidizayo kuzo. Umqeqeshi weProteas,
u-Ottis Gibson noDu Plessis, banengcingane ethi uMzantsi Afrika ngeke
unyanzeleke uqhokre imitsi engaphaya kwamakhulu amathathu anamashumi amahlanu
ukuze uphumelele umdlalo ngoba ithemba labo likwindlela abasebenza ngayo
abadlali abajulayo. Bekukho ukuthandabuza ngokulungela kukaHashim Amla indebe
yehlabathi ngenxa yokuphazamiseka kwakhe ekuqaleni kwalo nyaka – kodwa wonke
umntu olandela iqakamba unomdla wokubona indlela aza kuqhuba ngayo. Nangona
kubekho ukwehla emdlalwenu wakhe – kodwa abachongi abakwazanga ukumshiya ngenxa
yamava anawo uHashim Amla.

Ekuqhokreni,
iqela lesizwe loMzantsi Afrika liza kuthembela ebadlalini abafana noDu Plessis,
uRassie van der Dussen noQuinton de Kock. Kodwa iimbono zisa bethabethana ngobume
bukaPhehlukwayo noxa engumdlali osebenza ngokuzimisela xa engaphazanyiswanga
kukonzakala. “Kwicala lokuqhokra, siza jonga imeko ngelo xesha. Lo nto ithetha
ukuthi singasebenzisa uDuminy, uMiller okanye uMarkram. Siyamazi uDave ukuba
udinga ixesha emdlalweni ngoba uthanda ukuqhorha iibhola ezimfutshane phambi
kokuzolula iibhola xa efudumele. Yena iMiller ngumdlali oqhuba kakuhle
kwiitumente ezinkulu,” utshulo uDu Plessis ethetha ngezinye zezinto
ezilindelekileyo njengokuba iqela lakhe lisiya kwitumente yehlabathi. UMiller ubonwa
njengoyena mdlali obaluleke kakhulu futhi ekulindeleke abenefuthe elikhulu ngenxa
yendlela aqhokra imitsi engaphaya kwekhulu eyedwa.