Iqela lesizwe loMzantsi Afrika leqakamba licanjalaliswe izihlandlo ezibini zonke emidlalweni yovavanyo lilizwe laseIndia.
Nangona kunjalo, uKagiso Rabada uthi ilizwe lakhe lingabuya nayo impumelelo emdlalweni wokugqibela.
IProteas ibethiwe emidlalweni yokuqala emibini kodwa inethuba lokuguqula izinto emdlalweni wokugqibela wovavanyo oza kube useRanchi ngentsasa yangoMgqibelo.
Amathuba wokubetha i-India ambalwa kakhulu ngokuba indlela edlala ngayo isemgangathweni ophezulu kakhulu futhi ngeke iwunike ithuba lokulungisa izinto uMzantsi Afrika ngokuba ifuna ukuhlala kwindawo yokuqala kwiqakamba yehlabathi.
Ukuyeka kwabadlali abadala ngaphambili nasemva kweNdebe yeHlabathi kuyichaphazele kakubi kakhulu indlela iProteas eqhuba ngayo emidlalweni yayo.
Ingqonyela yeCricket SA, uThabang Moroe, ucele abantu baseMzantsi Afrika ukuba babenomonde ngokuba kusakhiwa iqela elitsha.
Naye uRabada woleke umsundulu ekuqaleni kwale iveki ngelithi abadlali abatsha kufuneka banikwe ixesha lokuzinza eqeleni.
“Sikwixesha lokuguquka kwezinto kwiProteas. Iqela lethu linabadlali abatsha futhi abadlamkileyo.
Okubalulekileyo ngoku kuthi kukuba sikhangela iindawo esinokuthi siziphucule emdlalweni wethu.
Kuninzi esikufundayo kodwa kufuneka siziphe ithuba lokubonisa ncakasana esikufundileyo.
Akululanga kwaphela ukudlala neIndia. Kunzima kakhulu ukudlala ngala ndlela ebesicwangcise ngayo,” utshilo uRabada obonise iimpawu zokubuyela kwindlela aziwa ngayo yokudlala iqakamba ukusukela oko iqela lithe laqhuba kakubi kwitumente yehlabathi eNgilane kwiinyanga ezidlulileyo.
URabada akazimiselanga konke konke ukunikezela noxa AmaNdiya ewongamele uMzantsi Afrika emidlalweni egqithileyo.
“Kufuneka sijonge apho sifuna ukuya khona siliqela.
Abadlali abatsha basazama ukuziqhelanisa nendlela esidlala ngayo.
Sizithembile kakhulu, singawuphumelela umdlalo wokugqibela.
Kungasichulumancisa kakhulu ukuqhuba kakuhle emdlalweni wokugqibela phambi kokubuyela ekhaya.
Ukuphumelela umdlalo esidlale kuwo neIndia kungafunqula ukuzithemba kuthi,” utshilo uRabada.
Ingqonyela yeProteas ekwangumqeqeshi, uEnoch Nkwe, uvakalise ukuphoxeka kwakhe emva komdlalo wesibini watsho esithi iqela lakhe malizisole lona emva kokubethwa yi-India.
Ubethwe entolongweni uNandipha Magudumana