URabada angafumana kumawonga eCricket South Africa

Umdlali ogibisela ngokukhawuleza weProteas, uKagiso Rabada, uhamba phambili kubadlali abatyunjiweyo kumawonga esizini ka-2016/2017, eCricket South Africa.

Lo msitho kulindeleke ukuba wenzeke ngomhla wamashumi amabini ansithandathu eSandton Convention Centre, izakube ilusuku emva kokuba iCSA igqiba iminyaka engamashumi amabini anesihlanu.

Igqiza leejaji kula mawonga sele sirhume uluhlu lamagama lokugqibela labantu abatyunjiweyo kulo msitho.

URabada utyunjwe kula mawonga alandelayo: Umdlali wonyaka obalaseleyo woMzantsi Afrika, Umdlali weCastle Lager obalaseleyo wovavanyo, Umdlali wosuku olunye wonyaka. Iwonga le “KFC So Good” kunye newonga leRAM SLAM lomdlali ogibiselayo wonyaka.

“Liwonga kum kwaye iyandonwabisa into yokunqwenelela abadlali abatyunjiweyo impumelelo, kulo nyaka nalapho sibhiyozela unyaka wamashumi amabini anesihlanu sikhona,” itshilo ingqonyela yeCSA, uHaroon Lorgat.

“Kufuneka singabalibali abantu abasebenza ngokuzimisela kwiinzame zokuzama ukuba abadlali bethu bafumane amathuba badlale ngokuzimisela.

“Ilizwe lethu liyaqhubekeka nokukhupha abadlali akakwinqanaba lehlabathi. Ubungqina kufuneka sincome indlela uQuinton de Kock, Kagiso Rabada, Temba Bavuma noTabraiz Shamsi abakhule ngayo kwiminyaka edlulileyo kwihambo yabo, ecaleni kwamagqala ethu * -AB de Villiers, Hashim Amla noDale Steyn.

Igqiza leejaji eziza- kuchophela la mawonga ziquka * -Aslam Khota, uNeil Manthorp, uVictor Mpitsang, uHD Ackerman, uMark Boucher no-Andrew Samson.

“Njengesiqhelo la mawonga kunzima ukuthatha isigqibo ngawo ngenxa yabadlali abo bakhuphisanayo,” utshilo uKhota.

“Abadlali bethu abadala bakwindawo efanelekileyo ngokomdlalo, kwaye kukho abadlali abavelayo ababonakalisa italente.”