URabada noPhilander bayibulele iSri Lanka

UKagiso Rabada woMzantsi Afrika ephosa kusuku lwesibini lomdlalo weqakamba phakathi koMzantsi Afrika neqela laseSri Lanka kumabala aseNewlands eKapa.

Abadlali beqela lesizwe leqakamba eMzantsi Afrika ababini bayiqwabaze bayithi nqwam nqwam ngokukhawuleza iSri Lanka kumdlalo wovavanyo kwiNewlands Stadium ebegcwele ithe qhu ngabalandeli beqakamba.

Aba badlali nguKagiso Rabada oze kakubi kulo mdlalo weqakamba noVernon Philander – utshotsh’entla kwicala lokujula ibhola yeqakamba.

Emnye kubo aba badlali ubuye noothinti abane, balandelwe nguKeshav Maharaj ofumene oothinti ababini egameni lakhe. Ngalo ndlela amandla weSri Lanka aphele xa inekhulu neshumi lemitsi kuphela.

UPhilander unoothinti abakwikhulu elinamashumi amahlanu kwimidlalo yovavanyo. Emva kwakhe nguHugh Tayfield noDale Steyn.

URabada yena ngumdlali osemncinane osadlale imidlalo yovavanyo engamashumi amahlanu qha. Nangona engenawo amava xa kuthelekiswa nabanye abadlali – kodwa uzityel’itheko ngenxa yeempazamo ezenziwe yiSri Lanka.

Umdlalo wesibini wovavanyo uphele uMzantsi Afrika wenze imintsi engamakhulu amathathu namashumi asithoba anesibini (392) – yona iSri Lanka ithe finini kwikhulu neshumi ngaphezulu (110) qha.

Ngalo ndlela iProteas zatsho zahamba phambili ngemitsi engamakhulu amathathu aneshumi elinesixhenxe.