URabada uncoma uMzantsi Afrika oqwamze iNewZealand emdlalweni wovavanyo

UKagiso Rabada ubaqhwabele izandla oogxa bakhe emva kokuba uMzantsi Afrika uvuthulule iNew Zealand emdlalweni wovavanyo eChristchurch ekuqaleni kwale veki. Umfanekiso: Andrew Cornaga/www.photosport.nz/BackpagePix

Omnye wootshotshentla kwiqakamba yehlabathi, uKagiso Rabada, uwuqhwabele izandla uMzantsi Afrika emva kokuba unqwamze iNew Zealand emdlalweni wesibini wovavanyo obuseChristchurch ngoLwesibini wale veki. Amakhwenkwe oMzantsi Afrika ayivuthulule ngekhulu elinamashumi alithoba anesibhozo (198) lemitsi iNew Zealand ekhutshwe yonke isenamashumi alithoba anesine qha kuwe oothinti abane (94/4) kwityala elingaphaya kwamakhulu amane (426) ebilenzelwe. Ukuphumelela kweProteas kuthethe ukuthi iphumelele umdlalo wovavanyo omnye yaze neNew Zealand yaphumelela omnye. URabada, 26, ofumene iwonga emva komdlalo ngenxa yendima ebonakalayo ayenze emdlalweni, uthe baphinde babonisa benguMzantsi Afrika ukuba ababetheki lula.

“Ukulwa yinto yethu. Ukuxhathisa nokuba kubi ligama lethu kwaye sibonisile kwakhona ukuba uMzantsi Afrika awubethwa lula,” utshilo uRabada ngovuyo olukhulu. “Emvakoko uncome indima eyenziwe ngabadlali abatsha emdlalweni abaquka uLutho Sipamla, uKyle Verreynne noSarel Erwee. “Kuyavuyisa ukubona kukho ihlumelo elinekamva eliqaqambileyo. Bekungekho mfuneko yokufundekela ngokwenzeke emdlalweni wokuqala ngoba iNew Zealand yasibetha. Kodwa siye saqonda ukuba masibuye nelinye iqhinga emdlalweni wesibini.

“Siye emdlalweni wethu wesibini iingqondo zethu sizibeke emdlalweni kwaye senze yonke into ngendlela ebesizilungiselele ngayo. Besingakuvuyela kakhulu ukuyiphumelela yonke imidlalo yovavanyo – kodwa siyakwamkela esikufumeneyo,” utshilo uRabada. Nangona esaziwa ngokujula ibhola yeqakamba – kodwa uRabada ubonisa iimpawu zokukhula komdlalo wakhe naxa eqhokra ibhola. “Njengomdlali ojulayo, kunqabile ukwaneliseka yindlela odlala ngayo – kodwa ndithe mandingene ndenze okulindelekileyo kuye wonke umdlali weqakamba xa esebaleni. Kuya nyanzeleka uzame ukumelana neengxaki odibana nazo emdlalweni uzame nokuthatha amathuba avelayo,” uvale ngaloo mazwi uRabada.