URabada unyukele ngasentla kumanqwanqwa we-ICC

Umdlali ogibiselayo kwiProteas nosaze ngobuso ezweni, uKagiso Rabada, unyukele kwindawo yesithathu kubadlali abagibiselayo kwimidlalo yovavanyo yeqakamba kumanqwanqwa e’ICC. Oku kunyuka kukaRababa kuthetha lukhulu kuba uyaqala ufikelela kweli nqanaba nje ngomdlali weqakamba. Oku kulandela ukudlala kwakhe ngokuzimisela ngelixa iProteas ibetha iBangladesh kumdlalo wesibini wovavanyo kwiveki ephelileyo. Eli tyendyana liwise oothinti abahlanu kumangeno omabini eBangladesh, encedisa iProteas iphumelele ngamangeno kunye nemintsi eyi-254. Kwixeshana nje elingephi engene ngokupheleleyo kwiProteas, uRabada sele ekhuphisana noompondo zihlanjiwe, kwaye uyayibethelela indawo yakhe.

URabada wazibonakalisa kakhulu kwindebe yehlabathi ye-ICC yabaminyaka ingaphantsi kweshumi elinethoba – apho uMzantsi Afrika waphumelelayo ngo’2014. Umgangatho wakhe wokugibisela umbeke ngasentla kwamagqala afana noRavichandran Ashwini wase-India no’Rangana Herath waseSri Lanka. Lo kaRabada ngoku unamanqaku ayi-876. Kwaye ushiywa ngamanqaku alishumi kuphela ngokwindawo yokuqala uJames Anderson waseNgilane. Omnye umdlali othe wafumana ukuqatshelwa yi-ICC nguDuanne Olivier, Andile Phehlukwayo noWayne Parnell abadlalela iProteas. Ikapteni yeqela lesizwe uFaf du Plessis owenze ngaphaya kwekhulu lemitsi eBloemfontein naye wonyuselwe, ngokunjalo noAiden Markram. 

UDu Plessis unyuke wayokutsho kwindawo yeshumi elinesine kumanqwanqwa we-ICC ngelixa uMarkram ehleli kwindawo yamashumi amathandathu ananye. UHashim Amla oqhokrayo kuphela komdlali woMzantsi Afrika ohleli kwabalishumi amaphezulu kwi-ICC, ehleli kwindawo yesixhenxe ngelixa uRabada inguye noDale Steyn kubagibiseli. Ngoku iProteas kufuneka zenze amalungiselelo amatsha njengokuba iza kujamelana neBangladesh kwimidlalo emithathu yosuku olunye. Ukuphumelela le yovavanyo yeyona nto ibingu nqontsonqa kwaye nomqeqeshi omtsha u-Ottis Gibson ufumene ithuba lokubafunda abadlali bakhe.