URabada utshotshentla kwihlabathi!

Indodana yelizwe loMzantsi Afrika ngutshotshentla kwiqakamba yehlabathi.

UKagiso Rabada, 22, uziqaqambisile kwakhona ngokuthi ancede ilizwe lakhe ngethuba ethatha oothinti abahlanu bonke ngethuba iProteas inqunqela egoqweni izangxa zehlabathi kwiqakamba ilizwe lase-India.

URabada ususe umdlali waseNgilane, uJimmy Anderson, obekade ebambe indawo yokuqala kwicala lokujula ibhola yeqakamba.

Le ndedeba yakwaRabada ikhulule uMzantsi Afrika usengxakini emva kokufuthaniselwa kakubi ngabadlali be-India.

Abanye babadlali abathe bazibalula kumdlalo wangoMvulo baquka uDale Steyn, uMorne Morkel nomtshutshisi omkhulu uVernon Philander.

Le nkqubela eyenziwe nguRabada kwikhono lakhe lokudlala iqakamba yinto enkulu kakhulu kuye nakuMzantsi Afrika ngokubanzi.

“Kuyinto ekhethekileyo nebaluleke kakhulu ukuba kwindawo yokuqala njengomdlali ojula iqakamba kwimidlalo yovavanyo kwihlabathi. Andikayikholelwa nam lo nto. Indawo endikuyo ngoku yindawo othi xa uqala ukudlala iqakamba uphuphe ngayo,” utshilo uRabada.

URabada uyibalule indima edlalwe ngoogxa bakhe nenkxaso abamnike yona njengomdlali, watsho ebabulela ngokwenza njalo.

“Iqakamba ngumdlalo wentlanganisela yabantu ngoko ke ndifuna ukubulela inkxaso endiyinikwe ngoogxa bam kwiqela lesizwe. Kumnandi ukuvula unyaka kakuhle kanje siliqela. Ndinethemba lokuba sakuhlala siphumelela nakwilixa elizayo,” utshilo uRabada.

Ngokwengxelo ekhutshwe yi-International Cricket Council, uPhilander ngumdlali wesixhenxe oyinzalelwane yaseMzantsi Afrika osenkcochoyini olandela abadlali abafana noHugh Tayfield, * -Aubrey Faulkner, uPeter Pollock, uShaun Pollock noDale Steyn.