URabada uyasicekisa isenzo sakhe

Umdlali weProteas, uKagiso Rabada, uthiwe nka ngesigwebo semidlalo emibini engadlali nomdliwo wemali emva kokugila umdlali we-Australia ngegxalaba umfanekiso: Deryck Foster/BackpagePix

Nangona uKagiso Rabada ekwinqanaba eliphezulu kwikhono lakhe leqakamba – kodwa ukusikwa kwakhe kwiqakamba uyakucekisa ngoba kuqhokra kabuhlungu iqela lesizwe alidlalelayo.

URabada, 22, uthiwe nka ngesigwebo esingumdliwo oyimali nemidlalo emibini engadlali emva kokuba efunyenwe enetyala lokugila umdlali weAustralia, uSteve Smith, komnye wochungechunge lwemidlalo yovavanyo kwiveki ephelileyo eSt George’s Park.

Lo kaRabada uphoswe yimidlalo emibini emva kokugwetywa yiICC. Le ndedeba iphoswe yimidlalo emva kokudlala kakuhle kakhulu kumdlalo iProteas ebethe kuwo iAustralia ngoothinti abalishumi elinanye.

Kula mdlalo uRabada uchongwe njengoyena mdlali oqaqambileyo, oko kwenzeke emva kokube ewise oothinti abalishumi elinanye abayibulele yazingceba i-Australia.

“Yah, akumnandanga ukunqunyanyiswa emva kokudlala kakuhle. Ndicinga ukuba ndiliphoxile iqela. Kufuneka iphele le nto. Andikwazi ukuphindaphinda isenzo esinje ngoba sibetha iqela lam. Bendikunqwenela ukudlala kwimidlalo elandelayo,” utshilo uRadaba emva kokudlala kakuhle.

Nakubeni uRabada ohlwayiwe ngenxa yesenzo sakhe – kodwa uthi akazimiselanga kuyiguqula indlela aziva ngayo.

“Ngeke nditshintshe – kodwa kufuneka ndiyenzele qelele ebantwini indlela endivuya ngayo. Ikhona into endingayiqondi kakuhle. Akukho nto endinokuyenza ngoba imithetho yimithetho. Isizathu esibangele siye kwinkqubo yoluleko kukuba siyabona ukuba kukhona ukungafani kwendlela ekwenziwa ngayo. Ukuba ndandimgile ngabom ngegxalaba, bendingeke ndiyoyiphikisa lo nto. Zange ndive naxa ndimgila ngoba ndandivuya,” utshilo uRabada.

Lo mdlali weqakamba odume ngokugibisela ibhola yeqakamba, uyibethelele into ethi kufuneka akuyeke ukuphoxa iqela lakhe.

Ukapteni weProteas, uFaf du Plessis, ufuna ugxa wakhe ayitshintshe indlela enza ngayo izinto. Le midlalo yovavanyo phakathi koMzantsi Afrika neAustralia ithande ukungcoliswa zizenzo zabadlali abangaziphathanga kakuhle ebaleni nangaphandle kwebala.