URabada uyifun’ aphikhoyo iNgilane!

Kuzawuqhawuka unobathana kumdlalo wanamhlanje xa kudibana uMzantsi Afrika neNgilane kumdlalo wovavanyo kwiqakamba eThe Oval Stadium.

Eyona nto yenza umdla ngakumbi kukubuya komayitshe womdlali weqakamba, uKagiso Rabada, ophosiweyo ngumdlalo ogqithileyo ngenxa yokusikwa emva kokusebenzisa amagama angafanelekanga kumdlalo wala mazwe wokuqala.

IProteas iya kulo mdlalo inamandla futhi inethemba emva kokuphumelela umdlalo wovavanyo ogqithileyo ngemitsi eyi-340. Ukubuya kwale ngqungqumbana yakwaRabada kwandisa amathuba woMzantsi Afrika wokubuya noloyiso emangesini.

Umqeqeshi wabadlali abajula iqakamba uCharl Langeveldt uthi lo mdlali utsha zintambo kwaye usidanele isenzo esibangele ukuba angadlali kumdlalo ogqithileyo.

“Usebenza ngokukhuthala okukhulu, uwulungele umdlalo. Ewe, kumphoxile okwenzekileyo eLords Stadium. Ufunde isifundo; eyona nto ibalulekileyo kwizinto ezinjeya,” utshilo uLangeveldt.

Akululanga ukudlalela enkundleni yayo iNgilane – kodwa abadlali beqakamba abafana noRabada, uChris Morris noMorne Morkel banawo amandla namava wokwenza izinto zenzeke emidlalweni.

Kukhangeleka ngathi luvaliwe ucango kuJP Duminy obuyiselwe ekhaya emva komdlalo wokuqala wovavanyo eNgilane.