URabada wenze adume ngazo ePerth!

UKagiso Rabada uncede uMzantsi Afrika wabetha i-Australia namhlanje ePerth.

Umdlali weqakamba oze ngobuso ezweni, uKagiso Rabada, uthi ukulungele ukuthath’uxanduva xa kukho imfuneko emva kokonzakala kukaDale Steyn.

Lo kaRabada uzibonakalisile ukuba ungugxalab’elibanzi nongalo-nkulu kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika leqakamba ngethuba elinceda libetha i-Australia kumdlalo wovavanyo emalanga ngoMvulo.

USteyn uzakuthi khebevu ekhaya iinyanga ezintandathu emva kokonzakala egxalabeni kakubi ePerth – kodwa nangona kunjalo, uRabada, 21, uthathe indawo [yakhe] wathatha oothinti abathandathu bonke eyedwa kumdlalo wanamhlanje.

UMzantsi Afrika uphumelele lo mdlalo ngemitsi elikhulu elinamashumi asixhenxe anesixhenxe(177). Ayilotyeli lokuqala uRabada enceda iiProteas futhi eziqaqambisa kwimidlalo emikhulu – kodwa okubukelekayo apha kuye kakhulu kukukhula kwakhe okumangalisayo, ngokukhawuleza kulo mdlalo weqakamba kwinqonga lehlabathi.

“Akumnandanga ukulahlekelwa ngumqhokri phambi komdlalo onje – kodwa bekufuneka sizithembe. Andiziboni njengomdlali oyintloko, ngamanye amaxesha kuye kufuneke kwenziwe umsebenzi,” utshilo uRabada.

Inye into ebonakalayo kweli tyendyana: kukuzimisela emsebenzini walo ngamaxesha onke.

“Ndinoxanduva lokuqinisekisa ukuba umsebenzi weqela uyenziwa. Yintshisakalo ekum ngaphakathi nokunxanelwa usebenzela oogxa bakho nabantu ekhaya ebangela kube nje,” utshilo uRabada.

Ukapteni weeProteas, uFaf du Plessis, akawuvali umlomo ngenxa yemincili emva komdlalo okwizinga eliphezulu weli qhawe. “Ndizingomba isifuba ngoRabada. Ndimhlonipha kakhulu umntu ophakamisa isandla aphinde enze umsebenzi ophucukileyo. Ebefuna ibhola ebaleni; ezo ziimpawu zomdlali omkhulu ojulayo nozimiseleyo ukulwela ilizwe lakhe,” utshilo uFaf du Plessis.