URabada wenze ezibukwayo kwiqakamba!

UKagiso Rabada weProteas

NgoKUba usebenza ngokukhuthala okukhulu ngamaxesha onke, ngoku uKagiso Rabada ngoyena mdlali uphambili ojula ibhola yeqakamba kwihlabathi lonke nakubeni eselula ngokweminyaka.

Oku kubhengezwe ngumbutho owongamele iqakamba yehlabathi, iThe International Cricket Council, kutshanje emva kokuvuthulula amaNgesi ngo’4/39 kumdlalo obungoMvulo wale veki.

Loo msebenzi omhle awenzileyo umbeke enkcochoyini kwiqakamba yehlabathi kwicala labadlali abajula ibhola kwimidlalo ye-ODI.

Le mbali yagqibela ukwenzeka ngo’1998, isenziwa nguSaqlain Mushtaq. Ngokwenza kakuhle kule midlalo, uKagiso Rabada, ube ngoyena mdlali usemncinane ozenzele le mbali nomsebenzi oncomeka ngolu hlobo kuchungechunge lwemidlalo ephunyelelwe nguMzantsi Afrika ngo’2-1.

IProteas zifumene amandla ngokuqhuba kakuhle kule midlalo ye-ICC ODI njengokuba kulindeleke ukuba iqubisane ngqo neSri Lanka kumdlalo weChampions Trophy ozakube use-The Oval ngecala emva kwentsimbi yeshumi elinanye ngoMgqibelo emini.

Omnye umdlali woMzantsi Afrika ohleli kwindawo yokuqala kwicala labaqhokrayo ngu-AB de Villiers, emva kwakhe nguDavid Warner wase-Australia kunye noVirat Kohli wase-India.

Umdlali ogangayo okwangowalapha eMzantsi Afrika, uQuinton de Kock, uhleli kwindawo yesine kwihlabathi, ulandelwa nguFaf du Plessis okwindawo yesithandathu noHashim Amla okwindawo yeshumi.

Lo mdlalo weChampions Trophy uzakunika uMzantsi Afrika ithuba lokufumana le ndebe okokuqala ukusukela ngo’1998.