URabada wothuswe linani lamawonga awafumeneyo

UKagiso Rabada ofumene amawonga amathandathu kumsitho weCricket South Africa

kwiinyanga ezidlulileyo umdlali weProteas, uKagiso Rabada, ebentywila ezingxakini emva kokugila ngegxalaba uKapteni weAustralia, uDavid Warner – kodwa ngoku uncume uveze nelokugqibela izinyo.

URabada, 23, akakakholelwa emva kokuwola amawonga amathandathu onke emva kokubhengezwa njengoyena mdlali othe waqaqamba kumsitho weCricket South Africa obubanjelwe eSandton, eGoli, kwimpelaveki egqithileyo.

Lo kaRabada ngumdlali ohleli kwindawo yokuqala kwihlabathi kubadlali abazibalule ngokujula iqakamba. Phakathi kwamawonga awafumeneyo uRabada aquka elomdlali wesizini, umdlali obalaseleyo kwimidlalo yovavanyo nomdlali wesizini ochongwe ngabanye abadlali.

“Ewe, lindothusile inani leembasa endizifumeneyo. Khange ndiyicinge into eyenzekileyo koba busuku ngoba baninzi abadlali abaqhube kakuhle kule sizini. Nakubeni kunjalo – kodwa ndifuna ukubulela wonke umntu,” utshilo uRabada ekuqaleni kwale veki kwikhasi lonxibelelwano uTwitter.

URabada uvumile ke kambe ukuba abadlali abafana noAiden Markram, uDean Elgar, uKeshav Maharaj, uTemba Bavuma noAB de Villiers ukuba ngabona babe nefuthe kakhulu kwindlela iqela lesizwe elidlale ngayo.

Le ndedeba ithi iyalivuyela ikhefu njengokuba kusavalwe isizini. Kulindeleke iProteas zive endleleni kwinyanga ezayo zisinge eSri Lanka – apho iza kudlala imidlalo emibini yovavanyo, emihlanu yeODI nomnye weT20.

“Ndisathe chu. Ngethuba ndifumana ukonzakala, kwakukho isicwangciso esasithi kufuneka ndibe ndiphilile phambi komdlalo wethu neSri Lanka. Masithembe ukuba izinto zakuhamba ngokwezicwangciso,” utshilo uRabada.

UMzantsi Afrika uya kwelaseSri Lanka – apho uza kudlala uthotho lwemidlalo entlobontlobo ngaphandle kwesihlabane somdlali uAB de Villiers, owothuse umzi kutshanje ngethuba esazisa ukuba uyayeka ukudlala iqakamba kwiqela lesizwe.