URakhale uhlangule iChippa United isengxakini

Umdlalo uphele
iyinkwa nekwa eSisa Dukashe Stadium. Igowuli elifakwe sisiququ, uThabo Rakhale,
lihlangule iChippa United isengxakini kumdlalo wanamhlanje. ISuperSport United
inkqenkqeze phambi kwisigaba sokuqala somdlalo ngegowuli elifakwe nguThabo
Mnyamane. Omabini la maqela aye emdlalweni esilwela indawo kwiTop 8 – kodwa ke
ekugqibeleni, yiChippa esabambeleleyo emva kokuzuza inqaku elinye namhlanje. IChippa United
ayiphumelelanga emdlalweni ebekufaneluba iwuphumelele xa kujongwa indlela
edlale ngayo kakuhle kunye namathuba efawumeneyo. Ukungabikho kukaMark
Mayambela kubonakele ngoba iChippa United ibiswele umdlali onesibini njengayo
onokunyanzelisa izinto zenzeke. Ekugqibeleni, inqaku elinye liwenzile umahliko.

Amatsatsantsa
a Pitori aye kwixesha lokuphumla ephala phambili ngegowuli elinye. Amaqela
omabini axheshene zisuka emdlalweni kubonakala ukuba afuna ukwenza izinto
zenzeke. UThabo Mnyama ufake igowuli leSuperSport United kumzuzu wesibhozo emva
kokubuyela ebaleni kwebhola ebixhimfwe nguDaniel Akpeyi obexakeke kakhulu ekuqaleni
komdlalo. Emva koko iChippa United unyuse umxakatho. UThabo Rakhale, uPaseka
Mako noLinda Mntambo bebeyinto ibila kubadlali beSuperSport. Emva kokuba encede
iSuperSport, uThabo Mnyamana uye wakutshwa emva kokonzakala. Indawo yakhe
ithathwe nguKingston Nkatha. Ekuzeni kuphela komdlalo uRakhale ukhabe imbumbulu
yebhola azibone seyibambile uRonwen Willaims.

ISuperSport
United iphantse yenza ingozi zisuka kwisigaba sesibini somdlalo. Umdlali
oyinkathazo, u-Evans Rusike, ungene emadodeni wakhabe imbumbulu yebhola – kodwa
ngelishwa ibhola yakhe ipheme ecaleni. IiChilli Boys ziwulawule umdlalo
kwakhona kwisigaba sesibini somdlalo, qha ingxaki ibinye: kukubeka ibhola
emnatheni. UKatlekgo Mashego no-Edward Manqele bazamile ukudlala kakuhle –
kodwa imigushuzo yabo iphazanyiswe nguMorgan Gould noClayton Daniel ababekwe
ngokuthenjwa nguKaitano Tembo emva. Umqeqeshi weChippa United, uVladislav
Heric, ukhuphe uMashego noManqele – iindawo zabo zithathwe nguMxolisi Macuphu
noZephania Mbokoma. Injongo yomqeqeshi ibikukongeza amandla phambili.

Ukungena kukaMxolisi
Macuphu kwenze umahluko omkhulu. Nakubeni yena noLinda Mntambo bebekwazi
ukuhlanganisa iibhola besebenzisa isantya – kodwa inani labadlali beSuperSport
United emva belibongamela. Abadlali beChippa, bekhokelwa nguBuyani Sali
esiswini, bazamile ukudala amathuba – kodwa iinzame zabo azizanga nanto
amathuba amaninzi. Kule veki, iSuperSport United iyiphumelele yomibini imidlalo
yayo kule – lo nto yenze umahluko omkhulu. URakhale ubeke igowuli leChippa
ngomzuzu wokugqibela, umdlalo uphele ingu’1-1.

Chippa United: Daniel Akpeyi, Zitha Macheke, Frederic
Nsambiyumva, James Okwuosa ©, Paseka Mako, Katlekgo Mashego, Thabo Rakhale,
Linda Mntambo, Abel Mabaso, Edward Manqele, Buyani Sali.

Amalalela: Veli Mothwa, Mxolisi Macuphu, Kurt Lentjies,
Zephania Mbokoma, Sizwe Mdlinzo, Kristopher Bergman, Gerald Modisane

SuperSport United: Ronwen Williams, Grant Kekana, Morgan Gould,
Clayton Daniels, Onismor Bhasera, Teboho Mokoena, Aubrey Modiba, Dean Furman,
Thuso Phala, Thabo Mnyamane, Evans Rusike.

Amalalela: Reyaad Pieterse, Siya Nhlappo, Reneilwe
Letsholonyane, Mogakolodi Ngele, Thato Mokeke, Sipho Mbule, Kingston Nkatha.