URalani wothuse iSundowns emdlalweni konwaba abantu beChiefs

Surprise Ralani of Cape Town City challenged by Nicholus Lukhubeni of Mamelodi Sundowns during the Absa Premiership 2019/20 match between Cape Town City and Mamelodi Sundowns at Loftus Versfeld Stadium on 17 August 2020. Samuel Shivambu/BackpagePix

Iintliziyo zabalandeli
beMamelodi Sundowns zichontsiza igazi emva kokucanjalaliswa yiCape Town
City
ngamagowuli
amathathu kwamabini (3-2) emdlalweni we-Absa Premiership obuseLoftus Stadium
ngokuhlwa kwanamhlanje. Isitshovutshovu seCity, uSurprise Ralani, senze
idemeshe enkulu ngethuba sifaka amagowuli amabini onwabise abalandeli beKaizer
Chiefs eseyibethwa ngumoya phezulu kwiPSL. Elinye igowuli leCity lifakwe
nguKermit Erasmus oshiye uDenis Onyango engazi nokuba makathini emva kokushiywa
yibhola ebezama ukuyisukela. UPitso Mosimane wenze iinguqu eziliqela emdlalweni
wanamhlanje. Abadlali abafana noRicardo Nascimento noMadisha bebengekho
namhlanje. UNicholus Lukhubeni noWayne Arendse baqale umdlalo bexhaswa
nguRivaldo Coetzee. Umdlalo utake iintlantsi zisuka – kodwa yiCity etsazise
igazi kuqala ngomzuzu weshumi elinesithathu. Amagowuli amabini ayinike amandla
emdlalweni iCape Town City
eye kwixesha lokuphumla inethuba elicacileyo lokuphumelela.

Amasandawana
asiqala kakuhle isiqingatha sesibini ngokufumana igowuli elifakwe ngempazamo
ngu-Edmilson Dove emva komsebenzi omhle owenziwe nguGaston Sirino ekoneni
yasekunxele. Nangona kunjalo, impazamo eyenziwe nguWayne Arendse endaweni embi
imoshe izinto ngokufanayo nakwimidlalo egqithileyo. Kuthe kwakubonakala ukuba kuhamba
ixesha izinto zingatshintshi emdlalweni – uPitso Mosimane ufake abadlali
abafana noSibusiso Vilakazi, u-Andile Jali noKeletso Makgalwa. Nakubeni uSirino
ebezama ukushukumisa – kodwa uThemba Zwane khange abonakale kakuhle emdlalweni.
Igibisele yonke into enayo iSundowns ezipalini zeCity yade yavuzwa ngegowuli
lesibini elifakwe nguMakgalwa. Kuye kwavuseleleka ithemba ebadlalini beSundowns
– kodwa ixesha beseliphelile. Ukubethwa kweDowns kuthetha ukuthi iChiefs,
ebethe iPolokwane
City
ngo’3-2, inethuba
lokugweba indlala yeminyaka emihlanu. Ngoku iCity isebenzela ukubethelela
indawo yayo kwiTop 8 emva kokutsala nzima ekuqaleni kwesizini.