Emva kwesizini embi, Amakhosi aya emdlalweni wanamhlanje enethemba lokuncumisa abalandeli bawo xa esamkela iPolokwane City ngentsimbi yesithathu emalanga eFNB Stadium. Amakhosi acele abalandeli bawo phakathi evekini ukuba baphume ngobuninzi ngoba aza kuwonga u’Itumeleng Khune ekulindeleke ukuba ayeke ukudlala ibhola.
Omabini amaqela aya emdlalweni kunyanzelekile ukuba afumane iziphumo ezihle ngoba afuna ukungena kwiTop 8. Ayalingana ngamanqaku, eliphumeleleyo lakuba nethuba elibhetele lokubethelela indawo yalo kwiTop 8 xa kuvalwa isizini kwiveki ezayo.
URanga Chivaviro, oyifolosi eyagqama kwiMarumo Galants, uxelele iintatheli izolo eNaturena ukuba unethemba lokuba iKaizer Chiefs iza kuyivala isizini ebingentlanga ngendlela ebhetele. Nakubeni uRanga, 31, echithe ixesha elide engadlali ngenxa yokonzakala – kodwa ukhe wakhumbuza abantu ukuba ungubani ngethuba efaka amagowuli amabini emdlalweni iChiefs ebidibene kuwo neTS Galaxy kutshanje.
“Phambi kokuza kwam apha kwiChiefs, ndandizimisele ukufaka amagowuli njengangokuya bendikwiMarumo Gallants. Kodwa ngelishwa lam, khange kube njalo ngenxa yokonzakala,” utshilo uChivaviro.
“Emva kokuphila kwam, ndizamile ukuziqhelanisa noogxa bam. Ndicinga ukuba izinto ziza kakuhle noxa sekushiyeke imidlalo emibini. Ndizimisele ukuqhuba kakuhle emidlalweni eshiyekileyo futhi ndinethemba lokwenza bhetele kwisizini elandelayo,” utshilo uChivaviro.
Umdlalo wangomso ubalulekile kwiChiefs ngoba kufuneka ixolise abalandeli bayo abaneminyaka elishumi bebhuqwa yimbalela yeendebe. Kufuneka abadlali beChiefs bazimisele ngoba ilushica iPolokwane City – kodwa okuza kwenza umdlalo ube nzima kukuba ifuna ukuvala isizini isendaweni ebhetele nayo kwelayo icala.
“Asizimiselanga ukuzikhathaza kakhulu ngeqela esiza kudibana nalo. Sifuna ukwenza umsebenzi esiwenza ejimini. Likhona ithemba lokuba singafumana iziphumo ezihle ukuba singadlala ngokubambisana. Ndingatsho ukuba andiqhubanga kakuhle kule sizini ngenxa yokonzakala – kodwa andifuna ukubeka phambili lo nto.
Umdlalo wam uyakhula futhi ndifuna ukwenza igalelo elibonakalayo kwiqela elikhulu njengeChiefs. Ndiyathemba ukuba ndiza kulifumana inani lamagowuli endilinqwenelayo,” uvale ngaloo mazwi uChivaviro okubetheleleyo ukubaluleka kokungena kweChiefs kwiTop 8 xa kuvalwa isizini.
Baqale uqhankqalazo abaqhubi beenqwelomoya