URantie uzimisele ukuyinceda iCape Town City

UTokelo Rantie thi uzimisele kakhulu ukulincedisa iCape Town City njengokuba iza kudlala iMTN 8. Umfanekiso: CTC

Abuyela enkomeni kwakhona amaqela ebhola ekhatywayo adlala kwiAbsa Premier Soccer League kule mpelaveki.

Omnye wemidlalo eza kube ijongwe ngamehlo abomvu ngulowo uphakathi kweCape Town City neKaizer Chiefs ngentsimbi yesithathu ngoMgqibelo eCape Town Stadium.

Lo ngumdlalo obaluleke kakhulu kuwo amabini la maqela. IChiefs isakhangela impumelelo yayo yokuqala emva kokudlala imidlalo emihlanu – kanti yona iCity ifuna ukuqinisa indlela eqale ngayo isizini kunye namalungiselelo wayo weMTN 8.

UBenni McCarthy uncume olukabhulankethe emva kokuba efumene umdlali amthembileyo, uTokelo Rantie – ekulindeleke ancede iqela lakhe ngokufaka amagowuli. Into eyakumvuyisa kukuba naye uRantie uzimisele ukwenza umahluko kwiCity.

URantie utyikitywe yiCity kutshanje emva kokudinga iqela ithuba elide. Le folosi yeBafana Bafana idlalele amaqela afana neGenclerbirligi kwilizwe laseTurkey – kodwa kule isizini, ubuyele eMzantsi Afrika kwakhona emva kokudlalela iOrlando Pirates kwiminyaka embalwa egqithileyo.

“Ndisazimisele ukudlala ibhola ekhatywayo kakhulu. Ndingatsho ukuba ndikwiqela elindilungeleyo. UBenni ubenalo igalelo ebomini bam; yiyo lo nto ndikhethe iCape Town City. Kuninzi endakufunda kuye. Ndandimthembisile ukuba ndakuze ndidlalele iqela lakhe ngenye imini xa engumqeqeshi. Ndenze kanye lo nto,” utshilo uRantie.

Njengokuba iCity ifumene ithuba lesibini lokuphakamisa indebe yeMTN 8, uBenni uza kubeka ithemba lakhe kubadlali bakhe abaquka uRantie. Ngethamsanqa uRantie uzimisele ukwenza eyakhe indima ebonakalayo.

“Bendingekacingi ngokudlala kumdlalo wendebe okwangoku – kodwa ke yinto enkulu kwiqela lethu. Emva kwento endiyibonileyo apha, ndingatsho ukuba eli qela liza kuyiphumelela iMTN 8. Ndizimisele ukwenza eyam indima eza kuncedisa iqela,” utshilo uRantie.

Umdlalo uza kuba nzima kakhulu ngoba Amakhosi aya eKapa ephantsi koxinizelelo futhi enomsindo emva kokukhiqwa kwiMTN yiSuperSport United.

Imidlalo yePSL:

NgoMgqibelo: Chippa United vs Baroka FC; Cape Town City vs Kaizer Chiefs (Cape Town Stadium, 3pm); Maritzburg United vs Bidvest Wits; Polokwane City vs Free State Stars; Orlando Pirates vs SuperSport United.

NgeCawe: Black Leopards vs Bloemfontein Celtic; AmaZulu vs Mamelodi Sundowns; Highlands Park vs Golden Arrows