URassie Erasmus ngumqeqeshi omtsha waMabhoko-bhoko

Rassie Erasmus is announced as Springbok coach during the South African rugby press conference at SuperSport Studios in Randburg, Johannesburg on 01 March 2018 ©Gavin Barker/BackpagePix

Owayefudula
eyiKapteni yaMabhoko-bhoko, uRassie Erasmus, ngumqeqeshi omtsha weqela lesizwe
lombhoxo. Lo ka-Erasmus utyikitye isivumelwano sengwesho kwiSouth African Rugby
Union esiphelelwa kunyaka ka-2023. URassie Erasmus, 45, ungena esikhundleni
ebesibanjwe ngu-Allister Coetzee iminyaka emibini nothe wakhululwa yiSaru
ekuqaleni kwenyanga ephelileyo kulo nyaka emva kokungaqhubi kakuhle kweqela
lesizwe kwisizini edlulileyo. Le ndedeba izakuthi isekelwe liqela lamadoda
afana noJacques Nienaber, uPieter de Villiers noMzwandile Stick.

UNienaber
usebenze phantsi komqeqeshi ohambileyo njengomqeqeshi wabadlali basemva phambi
kokusebenza noRassie kwiMunster ebeyiqeqesha ngo-2016. Yena uDe Villiers
usebenze njengomcedisi ozimeleyo kwiiBoks ngethuba ziphantsi kwesandla
sikaHeyneke Meyer phakathi kuka-2012 no-2015. UMZwandile uqale ukusebenza
noCoetzee kwiqela lesizwe ngo-2016 emva kokusebenza neqela labadlali
abasakhulayo. Ngokokutsho kwengqonyela yeSaru, uJurie Roux, eli qela lamadoda elilawulayo
eliza kusebenza noRassie lityunjwe emva kwenkqubo enzima eqale kunyaka
ophelileyo.

“Amabhoko-bhoko
abalulekile kakhulu kuthi, indlela adlala ngayo ebaleni ichaphazela iinqkubo
zethu zoshishino siyiSaru. Emva kwenkqubo yovavanyo ethe yalandelwa kwisizini
ka-2017, ndiyakholwa okokuba sikwazile ukuqokelela iqela lamadoda anamava ekuqeqesheni
nanokuthi ancede iSpringbok. Silindele umsebenzi ophucukileyo kakuhle kule
isizini kwiiBoks,” utshilo uRoux.

Kungekudala
AmaBhoko-bhoko aza kulungiselela imidlalo yovavanyo nelizwe laseWales neNgilane
ekwindawo yesibini kumanqwanqwa wehlabathi. URassie Erasmus uphefumle okokuqala
namhlanje njengomqeqeshi weeBoks. “Lo ngumsebenzi omkhulu kakhulu kwaye ndiziva
ndiwongekile ngokuba ngumqeqeshi weSpringbok. Ndiyakholelwa okokuba sinabo
abadlali futhi singayiguqula imeko yeqela lesizwe sibe phakathi kwamazwe alwela
indebe yehlabathi kunyaka ozayo.” Utshilo u-Erasmus.

“Phambi
kokuya eJapan kwindebe yehlabathi kunyaka ozayo, sinemidlalo yovavanyo elishumi
elinesibhozo esiza kuyidlala neentsuku ezingamakhulu amathandathu.
Amalungiselelo nezicwangcwiso zendebe yeWorld Cup sele zikwelinye inqanaba.
Kufuneka siyilungiselele kakuhle imidlalo yethu yovavanyo esiza kudlala kuyo
neWales neNgilane kwinyaka yeSilimela,” utshilo uRassie.