URassie Erasmus ubuyele esikhundleni sakhe sokuqeqesha kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika lombhoxo. Isibhengezo senziwe ngumbhutho olawula umbhoxo, iSouth African Rugby, emalanga ngoLwesibini wale veki. Ukubuya kwakhe uRassie kulandela ezithendeni zikaJacques Nienaber ongumqeqeshi weLeinster yase-Ireland ngoku.
Emva kweminyaka emine, uNienaber uye washenxa esikhundleni sokuqeqesha AmaBhokobhoko emva kokuba ebuye neNdebe yeHlabathi kunyaka ophelileyo eFrance.
Yena wayethathe iintambo kuRassie owayebuye nendebe eJapan ekupheleni kuka2019. Ebesekhona uRassie nakwedlulileyo itumente kwaye ebebonwa njengoyena ngqondongqondo oncede uMzantsi Afrika oyiphumelele ityeli lesine iNdebe yeHlabathi ukusukela ngo1995.
URassie uza kubagcina abancedisi bakhe abaquka uMzwandile Stick, uDeon Davids, uDaan Human, uTony Brown noJerry Flannery. Abancedisi abatsha nguAndy Edwards noDuane Vermeulen obekade engumdlali weSpringbok.
Yena obekade engusompempe owaziwayo, uJaco Peyper, uchongwe njengomcebisi wezomthetho omtsha. Ethetha emva kokubuyela esikhundleni esitshisayo kwakhona, uRassie uthe: “Kuliwonga elikhulu ukuba ngumqeqeshi weSpringbok. Ndibulela ukuthenjwa kwam.
“Umahluko phakathi kweminyaka emine egqithileyo nesizini ezayo kukuba ndiza kuxhuzula imikhala ngokwam. Ndisengumlawuli, bendisebenzisana noJacques nabanye abaqeqeshi. Lo nto ithi kufanele kube lula ukubuyela kwam kwisikhundla sokuqeqesha.”
UMongameli weSA Rugby, uMark Alexander, uvakalise uchulumanco ngokubuya kukaRassie. “Kuluvuyo kuthi ukwazisa uRassie Erasmus njengomntu oza kuba ngumqeqeshi oyintloko weSpringbok. Siqinisekile ukuba iqela lesizwe lisezandleni ezilungileyo futhi liza kukwazi ukuphumelela itumente yehlabathi ityeli lesithathu elandelelana – leyo yinjongo yethu.
UDuane unamava kakhulu njengomdlali. ukuba ngumqeqeshi wamaqela esizwe kuza kunceda abadlalali abasakhulayo abaza kudlalela AmaBhokobhoko kwixesha elizayo,” uvale ngaloo mazwi uAlexander weSA Rugby.
Igwetyiwe inkazana eyabulala isithandwa sayo ngenxa yesikhwele!