URassie Erasmus ufuna kulinganwe embhoxweni!

USiya Kolisi noRassie Erasmus eO.R. Tambo International Airport

Umqeqeshi weqela lesizwe lombhoxo, uRassie Erasmus, unombono omtsha ngekamva lombhoxo eMzantsi Afrika.

AmaBhokobhoko, afike ngokufika emalanga ngoLwesibini waleveki, amkelwe ngezandla ezishushu ngabantu baseMzantsi Afrika bevuma iingoma zoloyiso kwisikhululo seenqwelomoya eKempton Park.

UMzantsi Afrika wenze imbali ngokuphakamisa iNdebe yeHlabathi ityeli lesithathu emva kokubetha iNgilane ngo’32-12 eYokohama Stadium, eJapan, kwiveki ephelileyo.

Bayivuyele abantu kakhulu lo nto kwaye ibonwe njengento ebamanyileyo abantu belizwe ngokufanayo nango’95.

URassie, 47, uthi ufuna okwenzeka eqeleni lesizwe naselizweni nje ngokubanzi emva kweNdebe yeHlabathi kuhlale ixesha elide.

Njengendoda encede uMzantsi Afrika nenike amathuba abadlali abamnyama, uRassie Erasmus, akafunanga ukuthathela kuye uzuko.

Endaweni yoko, ukhokelise uSiya Kolisi, ukapteni wokuqala omnyama weBoks, kuyo yonke into. “Masimvumele uSiya nabanye abadlali abaqhube kakuhle abafana noPieter-Steph balufumane uzuko olubafaneleyo. Ngamaqhawe abadlali bethu.

Yinto leyo ekwakuthethwa ngayo kude kuphele inyanga.

Umnqweno wam mnye, xa ndicinga okwenzeke ngo1995, 2007 – ndinqwenela ukubona ukumanyana kweentlanga zonke njengale nto ndiyibona apha namhlanje.

Kuhle ngoba yenzeka ngomhla wam wokuzalwa.

Ndingavuya ukuba singasebenzisa lo mfutho ukhoyo ukuze siqinisekise okokuba asilahlekelwa zizinto ezibalulekileyo esiziphosileyo ngo1995 nango2007,” utshilo uRassie ethetha eO.R.Tambo International Airport.

Nangona uRassie Erasmus esehla njengomqeqeshi waMabhokobhoko, kodwa umbono wakhe ngombhoxo uphile kakhulu ngoba uthetha ngokunikwa kwabantu bonke amathuba okudlala alinganayo.

“Kufuneka siqinisekise ngoku ukuba bonke abantu bafumana amathuba alinganayo okudlala.

Zininzi izinto ezifuna ukulungiswa. Akufuneki ke sijonge okwenzeka kuMabhokobhoko kuphela.

Zikhona izinto ezinokunceda iqela lesizwe ukuze lingazuzi impumelelo emva kweshumi elinesibini leminyaka.

Masiwavumele amakhwenkwe onwabe kodwa emva komsebenzi omhle,” utshilo uRassie.

AmaBhokobhoko aza kutyelela eMpuma Koloni nendebe; aza kuba seMonti ngoMgqibelo imini yonke, agqibelise eBhayi ngeCawe.