URassie Erasmus umncomile uCheslin Kolbe emva kokonzakalisa iNgilane

UCheslin Kolbe ngumdlali weqela lesizwe lombhoxo. Umfanekiso: Springboks/Facebook

Emva kokuba Amabhokobhoko eguqise phantsi amaNgesi kwakhona, umqeqeshi umqhwabele izandla uCheslin Kolbe owenze iziqwenga emdlalweni. URassie Erasmus uncome uKolbe emva kokuba uMzantsi Afrika ubethe iNgilane ngo’29-20 emdlalweni obushushu ngendlela emangalisayo eTwickenham ngorhatya ngoMgqibelo odlulileyo. Njengesiqhelo emidlalweni yombhoxo, uKolbe wenze umsebenzi omhle kakhulu. Ulele emgceni izihlandlo ezibini aphumelela umdlalo wesibini Amabhokobhoko akutyelelo eYurophu.

Konke oku kwenzeke emva kokuba uMzantsi Afrika uqale ngokubetha iScotland ngo’32-15 emdlalweni wokuqala eMurrayfield. Kwitrayi yakhe yokuqala, uKolbe ubethe uSleightholme ngomzimba wamshiya etshitshiliza phantsi. Oku kuqale emva kokuba uKolbe efumene ibhola ekhatywe ngobuchule nguManie Libbok ethe qelele. Uphinde walala emgceni kwakhona kwisigaba sesibini ebesinzima macala omabini. “UCheslin ngumdlali okhethekileyo – kodwa akazigwagwisi ngalo nto. Akukho ndebe angekayiphumeleli – kodwa usoloko ezithobile,” utshilo uErasmus emva komdlalo.

Njengesiqhelo, umqeqeshi usebenzise abadlali abohlukileyo kwabo badlale neScotland emdlalweni wokuqala. Into ayigcinayo xa enze iinguqu ngabadlali abambalwa abaziintsika. Abanye abadlali abenze umahluko omkhulu emdlalweni ogqithileyo nguGrant Williams noPieter-Steph du Toit abafumene iitrayi ezintle. “Ndicinga ukuba amanqaku asebhodini akahambelani nokwenzeke emdlalweni. Bekunzima kakhulu emdlalweni wanamhlanje,” utshilo uRassie ethetha neentatheli.

Ngokufanayo nasemdlalweni wetumente yehlabathi, iNgilane idlale kakuhle kakhulu – kodwa umdlalo waphunyelelwa nguMzantsi Afrika onendlela yawo ekhethekileyo yokuwisa amanye amaqela. Nangona iNgilane ibethwe emidlalweni emihlanu ilandelelana, uSteve Borthwick uthi usaxhaswa ngokupheleleyo ngabaphathi nabadlali abebengonwabanga ngenxa yokubethwa emidlalweni. “Ndicinga ukuba abaphathi beRugby Football Union basasixhasa futhi bayabona ukuba sizama ukwenza into eyiyo. Abadlali nabalandeli baphoxekile ngoba sidlale kakuhle emdlalweni. Nakubeni kunjalo, ndiqinisekile ukuba sisekhondweni elihle,” utshilo uBorthwick weNgilane.