URassie Erasmus uncoma Amabhokobhoko emva kokubetha iAustralia kowayo

Umqeqeshi weSpringbok, uRassie Erasmus, ubancomile abadlali bakhe emva kokuphumelela imidlalo emibini ilandelelana. Amabhokobhoko abuyela ekhaya ejiwuzisa imisila phezulu emva kokuba ebethe iAustralia ngo’30-12 emdlalweni weCastle Larger Rugby Championship obubanjelwe ePerth.

Okuchulumancise kakhulu umqeqeshi kukuba uMzantsi Afrika ukwazile ukubetha iAustralia ngo’33-7 emdlalweni wokuqala weRugby Championship obubanjelwe eBrisbade. Okunye okwenze umqeqeshi ancume ngakumbi kukuba abadlali bakhe babethe iAustralia kabini kowayo – into owayigqibela kudala kakhulu uMzantsi Afrika.

Phambi komdlalo, bekukho abantu abangakhange bakholwe ziinguqu ezininzi azenze kwiqela lakhe. Iinguqu zakhe zimthethelele ngoba iqela lakhe liwenzile umsebenzi omhle ebaleni ebelimanziswe yimvula yasePerth. “Ukuphumelela kusonelisile thina, ngakumbi imidlalo imibini. Bonke abadlali bethu baqhube kakuhle,” utshilo uRassie.

“Umdlalo ubunzima ngenxa yemozulu embi. Siphulukene noKapteni wethu, uSalmaan Moerat, ngenxa yokuba wonzakele kwangoko emdlalweni. Sonelisekile ziziphumo esizifumeneyo emva kokuba sifake abadlali abatsha abalishumi kwiqela eliqale umdlalo.

“Nangoba singakwazanga ukudlala umbhoxo omhle ngenxa yemeko – kodwa sonele ngumsebenzi owenziweyo,” utshilo uRassie emva komdlalo ngoMgqibelo. Uthe uyavelana noJoe Schmidt ngoba usazama ukuyakha iAustralia.

Naye uEben Etzebeth uzamkele ngochulumanco iziphumo emva kokuphumelela umdlalo. “Kumnandi kuthi, sifumene isiqalo esihle kwiRugby Challenge satsho safumana nebhonasi. Ukudibana neNew Zealand kuza kuba yinto enkulu,” utshilo uEben emva komdlalo.

Empelanyanga, uMzantsi Afrika uza kudibana neNew Zealand emidlalweni emibini. Owokuqala uza kudlalela eGoli, uze owesibini udlalelwe eKapa. Yomibini loo midlalo ibalulekile ngoba iNew Zealand ifuna ukuziphindezela emva kokubethwa nguMzantsi Afrika emdlalweni wokugqibela kwiNdebe yeHlabathi ka2023.