USalmaan Moerat uza kukhokela okokuqala xa Amabhokobhoko ethathana nePortugal emdlalweni weCastle Lager ojongwe ngamehlo abomvu eBloemfontein emalanga ngoMgqibelo. Ngaphandle kwamathandabuzo, ukuchongwa kukaMoerat kubothusile abantu abaninzi embhoxweni.
Kodwa kufanelwe kuqhwatyelwe izandla okwenziwe nguRassie Erasmus njengokuba ezama ukwakha iqela elitsha elineenkokeli eziza kuthatha indawo zabadlali abadala abenze indima ebalulekileyo kwimpumelelo yeSpringbok kwiitumente zehlabathi ezigqithileyo.
Emdlalweni wangempelaveki, uRassie uza kudlalisa abadlali abasixhenxe abaza kube beqala ngqa ukudlalela iSpringbok. Ziliqela izinto ezintle ngomdlalo ozayo, kwelinye icala uza kukhokelwa ngusompempe olinenekazi ogama linguHollie Davidson waseScotland.
UMoerat, 26, oke wakhokela amaqela ombhoxo ezikolweni, uza kukhokela Amabhokobhoko esophisa emva kokuba ecanjalaliswe yi-Ireland ngo’25-24 emdlalweni obubanjelwe eKings Park Stadium, eThekwini, ngoMgqibelo ogqithileyo. Noxa iPortugal isakhula embhoxweni wehlabathi – kodwa ayifuni ukudelelwa.
URassie wenze iinguqu eziliqela eqeleni eliza kuqala umdlalo ngempelaveki. Ngabadlali abafana noKurt-Lee Arendse, uRG Snyman, uSalmaan Moerat noSacha Feinberg-Mngomezulu oyingozi abagciniweyo nekulindeleke bancede iSpringbok.
“IPortugal izibonakalisile ukuba iliqela elisemgangathweni ophezulu ngokubetha iFiji kwitumente yehlabathi nokubambana neGeorgia,” utshilo uRassie ethetha neentatheli. Kubalulekile ukuxuba abadlali abadala nekhaba elitsha (labadlali) ngoku sifuna ukuqinisekisa ukuba sifumana iziphumo ezihle,” utshilo umqeqeshi weBoks.
URassie uthe wonelisekile nguMoerat oza kukhokela iqela lakhe emdlalweni ozayo ngoba imbali yakhe njengomdlali wombhoxo icacile. “USalmaan uyahlonitshwa ngabanye abadlali. Ndiyavuyisana naye futhi ndiqinisekile ukuba uza kuwenza ngobunono umsebenzi wakhe wokukhokela,” utshilo uRassie.
Abanye babadlali ekulindele bancede iqela uLukhanyo Am, uManie Libbok, uCobus Reinach, uTrevor Nyakane noThomas du Toit. Bonke bebengeko kwiSpringbok esidlale ne-Ireland emidlalweni emibini ePitoli naseThekwini kwiiveki ezidlulileyo.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile