Umqeqeshi weSpringbok, uRassie Erasmus, wenze iinguqu ezilishumi zonke kwiqela eliza kuqala umdlalo ngempelaveki. Amabhokobhoko alungiselela ukudibana neAustralia emdlalweni wesibini wovavanyo kwiRugby Challenge oza kube use’Optus Stadium, ePerth, ngentsasa (11:45) yangoMgqibelo.
Kulindeleke ukuba iAustralia ikeleme emdlalweni wesibini emva kokuba ibethwe ngo’33-7 emdlalweni obuseBrisbane kwimpelaveki egqithileyo. URassie uza kuvavanya imiqheliswa yakhe.
Iinguqu azenzileyo uthe akazenzi kuba eseya iAustralia eyophisayo, into ephambili kukunika abadlali bonke amathuba okudlala nelinye lamaqela amakhulu embhoxweni wehlabathi. USalmaan Moerat unikwe uxanduva lokukhokela iSpringbok kwakhona nanjengoko uRassie egqibe kwelokuba amphumze uSiya Kolisi. Abadlali abaza kunxiba izikipha zeSpringbok okokuqala nguMorne van der Berg noRuan Nortje.
USacha Feinberg-Mngomezulu uqala umdlalo noElrigh Louw noPeter-Steph du Toit. Abanye abadlali abaza kudlala kule veki nguMakazolle Mapimpi, Aphelele Fassi noLukhanyo Am. Konke akwenzayo umqeqeshi ukwenza egxeleshe itumente yehlabathi engo2027.
“Sakubekwa kwacaca kwa sekuqaleni ukuba injongo yethu kukwakha iqela elomeleleyo esiza kuya ngalo kwiNdebe yeHlabathi. Sibone kubalulekile ukuba sibavavanye abadlali bethu sidlala neqela elisemgangathweni ophezulu kude nekhaya,” utshilo umqeqeshi ethetha neentatheli izolo.
URassie ubathembile badlali bakhe futhi uzimisele ukubetha iintaka ezimbini ngelitye elinye. Wakha iqela ngabadlali abancinane bexutywe nooxholovane abaziwayo lihlabathi lonke – kodwa ufuna impumelelo kwelinye icala.
“Abadlali bethu abasebatsha baqhube kakuhle ngokuya besidlala nePortugal nakomnye umdlalo. Sinethemba lokuba indlela abakulambele ngayo ukudlala iza kusinceda sifumane iziphumo ezihle njengeziya esizifumene eBrisbane,” utshilo uRassie Erasmus.
Abadlali abachongiweyo: 15 Aphelele Fassi, 14 Cheslin Kolbe, 13 Jesse Kriel, 12 Lukhanyo Am, 11 Makazole Mapimpi, 10 Sacha Feinberg-Mngomezulu, 9 Morne van den Berg, 8 Elrigh Louw, 7 Pieter-Steph du Toit, 6 Marco van Staden, 5 Ruan Nortje, 4 Salmaan Moerat (captain), 3 Thomas du Toit, 2 Johan Grobbelaar, 1 Jan-Hendrik Wessels.
Amalalela: 16 Malcolm Marx, 17 Ox Nche, 18 Vincent Koch, 19 Eben Etzebeth, 20 Kwagga Smith, 21 Grant Williams, 22 Manie Libbok, 23 Handré Pollard.
IMasimanyane ikhuthaza ibhola ekhatywayo kumantombazana ngeenzame zokulwa iGBV