Kukho abantu abacinga ukuba iqela loMzantsi Afrika leqakamba alikwazi ukuqhokra kakuhle xa liphantsi koxinizelelo. Mhlawumbi, kungoba emidlalweni eliphulukene nayo kwitumente yehlabathi – alikwazanga ukusukela imitsi eyenziwe liqela eliqhokre kuqala.
Izinto ziye zaguquka kwiveki ephelileyo emva kokuba iAfghanistan iphumelele itosi yakhetha ukuqhokra kuqala. Yenze njano yatsho yabeka ityala lemitsi engamakhulu amabini anamashumi amane. UMzantsi Afrika ukwazile ukuphumelela ngoothinti abahlanu nakubeni bekunzima emdlalweni.
Omnye wabadlali abenze umsebenzi omkhulu, uRassie van der Dussen, uthe nokuba bebephumelele itosi, bebenesicwangciso sokufaka iAfghanistan kuqala. “Okwenzekileyo yinto ebesiyifuna kakade. Nokuba besiphumelele itosi, besizixelele ukuba siza kuthi iAfghanistan mayiqhokre kuqala emdlalweni. Besizimisele ukuzibeka kwimeko esingayiqhelanga. Ndicinga ukuba yonke into sikwazile ukuyilawula ngokwethu,” utshilo uVan der Dussen emva komdlalo.
“Bezikhona iindawo ebezisoyikisa – kodwa okubalulekileyo kukuthetha kwabadlali ebaleni. Eyona nto encomekayo kukuba asilahlekelwanga ngoothinti. Wonke umntu ukwazile ukwenza indima yakhe,” utshilo uVan der Dussen.
Umdlalo weveki ephelileyo ubufana nowokuzilungiselela amaxesha anzima ngoba akukho nto iProteas ebiza kuyizuza ngoba ibiseyikwazile ukuzibekela indawo kwisigaba esilandelayo setumente yehlabathi.
UMzantsi Afrika uza kujongana nowona mdlalo onzima xa udibana ne’Australia kule veki ngoLwesine. Ngumdlalo iqela likaTemba Bavuma ekunyanzelekileyo liwuphumelele ukuze liye emdlalweni wokugqibela.
UMzantsi Afrika ubukhe wayibetha iAustralia ekuqaleni kwetumente yehlabathi eqhubekayo kwilizwe lase’India – kodwa izinto ziza kwahluka kakhulu emdlalweni wangoLwesine ngoba amaqela omabini agxeleshe indebe.
“Umdlalo uza kwahluka. Abadlali beAustralia banamava ngoba bebekhe bayiphumelela iNdebe yeHlabathi. Iqela eliza kuphumelela lelikwazileyo ukwenza umsebenzi ngendlela elicwangcise ngalo,” utshilo uVan der Dussen. Umdlali okungekacaci ukuba uza kudlala na nguBavuma odlale onzakele kwiveki ephelileyo.
Kwelinye icala, iNew Zealand iza kugagana ne-India ekuphela kweqela elingakabethwa kwitumente yehlabathi yalo nyaka. Ukuba uMzantsi Afrika uphumelele, kufuneka ulungiselele ukudibana nelinye lamaqela ayingozi kwiqakamba yehlabathi.
Imvumi yaseNgqeleni ibuye neembasa ezimbini kwiiMAMAs!