Ikamva lelizwe
lase-Argentina kwindebe yehlabathi eRussia limfiliba emva kokungcwatya ngemvula
yamagowuli yiCroatia namhlanje ebusuku. Amagowuli empumelelo afakwe ngu-Ante
Rebic, uLuka Modric no-Ivan Rakitic ancede iCroatia kwimpumelelo eyifumene emva
kokubetha i-Agentina ngo’3-0 kumdlalo obunzima eNizhny
kakuhle kobu busuku. ULionel Messi, obethembise ngokuyibetha iCroatia
namhlanje, khange abonakale kuzo zozibini izigaba zomdlalo. Ukubethwa
kwe-Argentina kuthetha ukuthi iphakathi kwamazwe athembisayo ngenxa yamagama
amakhulu wabadlali abaziwayo – kodwa ekungaphumi nto kubo xa bedlalela iqela
lesizwe ebaleni.
Kuyiwe kwixesha
lokuphumla kungekho gowuli ebhodini nangona amathuba ebekhona macala omabini.
ULuka Modric ufumene ibhola ekunene, wabetha indoda – kodwa endaweni yokunikela
ugxa wakhe, ukhethe ukuqabelisa phezu kwepali. Yona i-Argentina iphantse
yatsazisa igazi kwakwimizuzu yokuqala emva kokufumana amathuba amahle. Indoda
ekulindelwe lukhulu kuyo, iLionel Messi, ibigadiwe kakhulu ngabadlali
beCroatia. Naye uSergio Aguero akafumenanga mathuba acacileyo kwisigaba
sokuqala. Umgangatho womdlalo ubuphezu. Abadlali beCroatia basemva batshayele
kwanto bencediswa ngunozinti wabo – uDanijel Subasic.
Emva kwempazamo
eyenziwe ngumdlali we-Argentina nonozinti, uWifredo Caballero, benikelana
ibhola – kuthe gqi u-Ante Rebic, wayibeka emnatheni ibhola kwimizuzu embalwa
isiqingatha sesibini siqalile. Unozinti weCroatia unqande amanzi engena endlini
kumzuzu wamashumi amathandathu anesithathu uMessi noogxa bakhe bekhangela
igowuli lokulinganisa. UMandzukic uphantse wayibeka endaweni entle iCroatia –
uphoxwe kukuphuma ecaleni kwebhola yakhe. ULuka Modric ufake igowuli lesibini
kwaphela nge-Argentia. Emva kokubetha kwebhola yakhe epalini, u-Ivan Rakitic
ufake igowuli lesithathu wavalwa umkhusane we-Argentina. Uphelile umdlalo, yaba
iCroatia izibekela indawo kumjikelo olandelayo emva kokuphumelela imidlalo
emibini kuGroup D.
Argentina: Wifredo Caballero, Nicolas Tagliafico, Nicolas
Otamendi, Gabriel Mercado, Marcos Acuna, Enzo Perez, Javier Mascherano, Eduardo
Salvo, Maximiliano Meza, Sergio Aguero, Lionel Messi.
Croatia: Danijel Subasic, Ivan Strinic, Domagoj Vida,
Dejan Lovren, Sime Vrsaljko, Ivan Perisic, Marcelo Brozovic, Luka Modric, Ivan
Rakitic, Ante Rebic, Mario Mandzukic.
UTinkler ufuna ukuyibetha iChiefs – qha unexhala leefolosi zayo!