URelebohile Mofokeng uvuyela iPirates ebethe iAl Ahly kowayo

URelebohile Mofokeng noPatrick Maswanganyi bevuyela igowuli le’Orlando Pirates. Umfanekiso: OP/Facebook

Iqela lebhola ekhatywayo eliphambili ebholeni yaseMzantsi Afrika, i’Orlando Pirates, lenze umtsi oya phambili kwiCAF Champions League. Oku kulandela emva kokiba iPirates yothuse umzi ngokubethela kowayo iAl Ahly ngamagowuli amabini kwelinye ngorhatya loMgqibelo odlulileyo.

Phakathi kwabadlali abancede iPirates kukho umdlali oyingozi, uRelebohile Mofokeng. Uyothuse iAl Ahly ingalindelanga ngegowuli emva kokudibana nebhola ebhutyuzwe ngabadlali beAl Ahly isuka kuThalent Mbatha kwisigaba sokuqala somdlalo.

EZimnyama zintingele eYiphutha sele ziqinisekile ngokuya phambili kwiChampions League. Zidibene nayo iAl Ahly ingekabethwa kule sizini ebaleni layo. Umdlalo uqale ngesantya esiphezulu ngoba iAl Ahly iwuthathele kuyo umdlalo futhi kucaca ukuba ifuna igowuli kwangoko emdlalweni. Abadlali bePirates kuye kwanyanzeleka ukuba bavale amazibuko ngoba bebehlaselwa macala onke.

Yoyisiwe kukugqobhoza iPirates eziphungulele umthwalo ngokufaka igowuli eliyinike amandla emdlalweni. Izinto ziguqukile kwisigaba sesibini. Abadlali beqela ebelidlalela ekhaya balwile ngoba bebengafuni ukuhlazwa phambi kwabalandeli balo. Ufake igowuli lokulinganisa uHussein El Shahat.

Iziphumo zomdlalo bezingabalulekanga ngoba omabini amaqela ebesezindaweni ezintle – into ebisesichengeni sisidima seqela ngalinye. Ekuhambeni kwexesha uTshegofatso Mabasa ufake igowuli lePirates lesibini ephumelele ngalo umdlalo obungelelanga konke konke emhlabeni wakwaFaro. UMofokeng uvumile ukuba umdlalo ubunzima – kodwa baphumelele ngoba baqhutywa kukusebenza ngokuzimisela xa besebaleni.

“Ewe, thina sidlalela ukuphumelela xa sisebaleni ngamaxesha onke. Ndicinga ukuba siyisebenzele impumelelo esiyifumene apha. Besidibene neqela elidlala kakuhle kakhulu,” utshilo uMofokeng kwiSABC TV emva komdlalo. “Umdlalo ubumhle kakhulu kwaye sibulela uThixo ngokusinika impumelelo. Kumnandi ukuphumelela apha eCairo ngoba iAl Ahly inamandla kowayo. Siwafumene amanqaku amathathu ngoku sihleli phezulu,” utshilo uMofokeng.