URhulani Mokwena ubuqhawule ubuhlobo bakhe noSteve Komphela

Rhulani Mokwena chats with Percy Tau during his days at Sundowns. Photo: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Namhlanje kudibana oomakadezondana kwibhola ekhatywayo
eMzantsi Afrika, i-Orlando Pirates neKaizer Chiefs. Isekela mqeqeshi lePirates,
uRhulani Mokwena, yindoda enobuhlobo obuneengcambu nomqeqeshi weChiefs, uSteve
Komphela – kodwa uthi okwanamhlanje obobuhlobo mabuthi xha kancinci. UMokwena ngomnye
wabaqeqeshi abasafufuzayo abahlonitshwayo kwibhola ekhatywayo. Ifuthe lakhe kwindawo
asebenza kuyo lisoloko livakala. Kwabaninzi lo nto ayothusi ngoba uMokwena akangomntu
nje, ibhola yinto yakowabo futhi esegazini kuye. Le ndedeba izalwa nguJulius
Sono, ingumtshana kaJomo Sono kanti ingumzukulwana ka-Eric Sono – bonke aba
bakwaSono ngamagqala wePirates. Lo nto ithetha ukuthi uMokwena kufuneka
aqinisekise ukuba iqela lakhe liqhube kakuhle naphantsi kweyiphi na imeko.

Ngecala emva kwentsimbi yethathu emalanga namhlanje,
Amakhosi aza kudlala nePirates kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obalulekileyo
kuwo omabini la maqela eFNB Stadium ekulindeleke igcwale ithi qhu ngalandeli
bebhola. Ezimnyama ziya kumdlalo wanamhlanje zincwase ukufumana amanqaku
amathathu ukuze zikwazi ukuqinisa iphulo lazo lokuphumelela indebe yePSL. Lo
kaMokwena wanyuselwa kwiminyaka egqithileyo engumqeqeshi weSA Under-19
nguKomphela, wamenza isekela mqeqeshi kwiPlatinum Stars. Emva koko uMokwena
waziqaqambisa kwiMamelodi Sundowns – apho ancedise uPitso Mosimane ngethuba
egqugqisa kwibhola yezwekazi le Afrika kwiminyaka emithathu egqithileyo. Le asiyomini
yobuhlobo, umntu ngamnye kufuneka aqinisekise ukuba abadlali bawulungele
umdlalo.

 “Xa uzama ukuqinisekisa ukuba abadlali bomelele
ngokwasengqondweni, nawe mqeqeshi kufuneka ube kwisimo esizinzileyo. Into ekufuneka
uyenze kukuqhawula unxibelelwano nabantu oqhelene nabo, ngakumbi oza kudlala nabo,
ngoba ungazibona ungenwa ngumoya ongakuphazamisa,” utshilo uMokwena ekuqaleni
kwale veki ethetha neentatheli eGoli.

UMokwena uthi uzimisele ukuthetha noKomphela emva komdlalo.
AmaBhakabhaka ashiywa yiSundowns ngamanqaku asixhenkxe [ngoku] emva kokuba
ibethe AmaZulu FC ngo’3-1 kumdlalo obuseKing Zwelithini Stadium ngorhatya
layizolo. Nangona iPirates isenza umsebenzi ongcono kule sizini futhi iphakathi
kwamaqela anethuba lokuphumelela indebe yePSL – kodwa abaqeqeshi [bayo] abafuni
kuthetha ngendebe tu. Into abayifunayo bathi kukuqinisekisa ukuba iBucs
ayehlelwa yinto eyenzeke kwisiziki egqithileyo.

 

“Iyaxaka into eyenzeka kule sizini. Ngumyinge oyi-3%
kuphela esiphucuke ngawo xa uqwalasela okwenzeke kwisizini edlulileyo. Xa kunjalo
andiqondi ukuba besifanelwe kukuba phakathi kwamaqela amathathu aphambili
kwiPSL. Ewe, kukho ububhetele kule sizini – zininzi izinto esifuna ukuzilungisa
ukuze sibe zezi zinto sifuna ukuba zizo. Asifuni kuyifaka entloko kele
yokuphumelela indebe. Siqinile – kodwa inyaniso kukuba siphucuke nge-3%
kuphela,” utshilo uMokwena.

Kwelakhe icale uKomphela uxelele abadlali bakhe ukuba ufuna
balungise into eyenzeke kwiveki ephelileyo. Amathuba weChiefs okuphumelela
indebe yePSL aye ancipha emva kokuba ibambene ngo’1-1 neBloemfontein Celtic
kumdlalo obuseFNB Stadium kwiveki ephelelyo. Abadlali bePirates baya kulo mdlalo
ukuzithemba kufunqukile emva kokubetha iChippa United ngo’4-2, eBhayi. Imidlalo
yala maqela isoloko iyabatyhafisa abalandeli bebhola ngokusoloko edlala
ntanganye – kodwa ingathi kukho ithemba lokuguquka kwezinto kumdlalo
wanamhlanje.