URhulani ukhala ngobundlavini beChiefs

Emva komdlalo, umqeqeshi weOrlando Pirates, uRhulani Mokwena, ushiyeke enomsindo emva kokubethwa kweqela lakhe kwiveki ephelileyo.

IKaizer Chiefs ibethe iPirates ngo’3-2 emdlalweni weAbsa Premiership obunzima eFNB Stadium.

Liqela likaMokwena ebelinamandla emdlalweni nangona libethiwe kodwa eyona nto emphazamisileyo yingxabano yabadlali ebaleni.

Umdlali weChiefs, uErick Mathoho, wakhutshwa ngekhadi elibomvu emva kokutshova uAbel Mabaso emdlalweni.

“Umdlalo ubumhle futhi ubunayo yonke into macala omabini, kodwa into endiphazamisileyo kukuziphatha kakubi kweChiefs. Abadlali bam babethiwe abanye bakhatywa. Bubundlavini obo obukhuthazwa ngumqeqeshi wabo,” utshilo uMokwena ethe fixi ngumsindo.

Ukanti umqeqeshi we Chiefs ,uErnst Middendorp, uzibethise ngoyaba ezontetha.