‘Urhulumente akawuxhasi umdlalo wentenetya’

UMbulelo Lugongwana uphuhlisa abadlali bentenetya abasakhulayo kwidolophi yaseBhayi

UMbulelo Lugongwana utyhola urhulumente namajelo eendaba ngokungawuxhasi umdlalo weNtenetya.

Le ndedeba yakwilokishi yaseZwide, eBhayi, ithi yasungula iphulo lokuphuhlisa abadlali beselula bomdlalo wentenetya kwiminyaka emibini edlulileyo.

“Ndiyakuthanda ukuphuhlisa ulutsha. Kwiminyaka emibini edlulileyo ndavakalelwa emva kokubona ulutsha lutshabalala ngenxa yeziyobisi. Ndasungula iphulo lokuphuhlisa abadlali abaselula abanomdla kumdlalo wentenetya kwilokishi yam, iZwide,” utshilo uLugongwana.

Nangona luncedisa ekulweni ubundlobongela eli phulo, oka Lugongwana uthi urhulumente akafuni kufaka inkxaso kule midlalo.

“Urhulumente akayikhathalelanga intenetya. Kudala ndicela uncedo kuye, uxhasa ii-Academies kodwa zinemali. Ii-Academies zindawo zabantu abanemali. Ayisincedi thina bantu bahluphekayo. Baninzi abantwana abanesakhono sokudlala intenetya, kodwa ayikho nasezikolweni. Ukhona umntwana ogama linguZikhona Xate ophuma kolu lutsha ndiliqeqeshayo obeyinxalenye yeqela lephondo labadlali abaneminyaka engaphantsi kweshumi,” woleke ngaloo mazwi okaLugongwana.

“Nezikhululo zosasazo ezikhulu aziyikhathalelanga intenetya. Zihoye ibhola ekhatywayo, ibhola yombhoxo neqakamba. Lo nto iyayibulala eminye imidlalo,” uvale ngelitshoyo uLugongwana.