IBrazil iphumelele umdlalo wayo wokuqaka emva kokubetha iSerbia ngamagowuli amabini eqandeni (2-0) emdlalweni wetumente yehlabathi obumhle ngendlela emangalisayo eLusail Stadium ebusuku namhlanje. Amagowuli omabini afakwe liqhawe leBrazil lanamhlanje, uRicharlison, kwisigaba sesibini somdlalo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho gowuli ebhodini. Igolozile iSerbia kwisigaba sokuqala ixheshwa injalo. UNeymar, uVinicius noRicharlison bazamile ukudibanisa iibhola besiya phambili – kodwa abadlali beSerbia bebezixelele ukuba ngeke kufakwe gowuli ezipalini zabo.
Nangona iBrazil idlale kakuhle ngendlela abantu abayazi ngayo – kodwa khange kube lula ukudlala neSerbia ngoba ibizimisele. Ibidlala kakuhle emva, esiswini – kanti naphambi ibishukumisa. Izinto ziguquke kwisigaba sesibini. Kuye kwacaca ukuba uTite uwangxolisile amakhwekhwe wakhe ngoba abuye engamameli. Kube nzima ukuxhathisa okanye ukudlala ngendlela edlale ngayo iSerbia ngoba ihlaselwe macala onke yiBrazil. Ukungena kwamadoda afana noDarko Lazovic, uDusan Vlahovic noNemanja Maksimovic akuyincedanga kwisigaba sesibini ngoba kube nzima nokufumana igowuli eli lokubika ekhaya.
Emdlalweni wokuqala, iBrazil ibonisile ukuba kutheni abantu abaninzi becinga ukuba iza kuphumelela indebe yehlabathi ngokudlala kakuhle. UNeymar uphantsi koxinezelelo ngoba nguye yedwa ebadlalini bebhola ekhatywayo eBrazil oye wagqama – kodwa ongekaphakamisi indebe yehlabathi. Kwelinye icala, iPortugal idlule ngo’3-2 kwiGhana emdlalweni obutaka iintlantsi kuGoup H. Phambi koko, iUruguay ibambene ngeqanda neKorea Republic emdlalweni kaGroup H. Emini, iSwitzerland ibethe iCameroon ngegowuli elinye emdlalweni obumhle kaGroup G. Ngomso amehlo akwiSenegal eza kudibana neQatar emdlalweni kaGroup A.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8