URigobert Song unethemba lokubetha iBrazil eyingozi

Umqeqeshi weCameroon, uRigobert Song no-Eric Maxim Choupo-Moting, emdlalweni weFIFA World Cup obuse-Al Janoub Stadium. Umfanekiso: EPA/Noushad Thekkayil

Umqeqeshi weCameroon, uRigobert Song, unethemba lempumelelo emva kokudlala kakuhle kweqela lakhe emdlalweni ogqithileyo. ICameroon igxeleshe ukudlulela kwiTop 16 yetumente yehlabathi ebanjelwe eQatar emva kokubambana neSerbia ngo’3-3 eAl Janoub Stadium ngoLwesibini wale veki. Iqela likaSong lihlangulwe nguVincent Aboubakar ongene njengelalela kwisigaba sesibini somdlalo. Kunyanzelekile iCameroon iphumelele ngokucacileyo futhi ngamagowuli abalekayo ukuze iphephe izinto ezingayiphazamisa ngoba ikwindawo yesithathu kuGroup G okhokelwa yiBrazil eseyingene kwiTop 16 emva kokuphumelela imidlalo emibini.

IBrazil ibethe iSerbia ngo’2-0 neSwitzerland ngo’1-0 ngokulandelelana. ISwitzerland, ekwindawo yesibini, yabetha iCameroon emdlalweni wokuqala phambi kokubethwa yiBrazil emdlalweni wesibini. Kufuneka iCameroon idlalele ukuthubeleza kwezo zinto ngoba iphethe umnqongo wenqaku emva kwemidlalo emibini. Akukho qela eliza kuchamza kwiBrazil ngoba iphakathi kwamaqela alushica kakhulu futhi ayingozi kakhulu – kodwa uSong ulithembile iqela lakhe emva kokuba libambene neSerbia ebikhokela ngo’3-1 emdlalweni ogqithileyo. “Singaya kwisigaba elindelayo. Asizanga apha (eQatar) uzokongeza nje inani lamazwe azokudla. Iskhona iCameroon kwitumente yehlabathi,” utshilo uSong.

Ukuzithemba kukaSong akothusi emva kokuqhub kakuhle kweCameroon. Okubi kukuba iqela lakhe liphazanyiswe kukupheqa kukanozinti olithemba lakhe. USong umguzule uAndre Onana emva kokungquzulana naye ngamazwi. “Ungumdlali obalulekileyo u-Onana – kodwa ke kufuneka kubekwe phambili iqela ngaphezulu kweziqu,” utshilo uSong. Akukacaci nokuba umba ka-Onana uya kusonjululwa na phambi komdlalo obalulekileyo weCameroon kwitumente yehlabathi. Akukabikho mdlalo ewuphumeleleyo iCameroon kwemibini eyidlalileyo. Ibethiwe yiSwitzerland yadlala ntanganye komnye. Kufuneka iphumelele – kodwa kwakuxhomekeka ukuba iSerbia neSwitzerland zidlale njani.