Umqeqeshi we’Orlando Pirates, uJose Riveiro, uthi asobe bayekelele emdlalweni wesibini weMTN8. IPirates iza kwamkela iStellenbosch FC emdlalweni wesibini weMTN8 oza kube use’Orlando Stadium ekupheleni kwale nyanga yoMsintsi. Iqela likaRiveiro ligoduke umsila uphezulu emva kokubetha iStellenbosch FC ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weMTN8 obushushu e’Athlone Stadium emalanga ngeCawe edlulileyo. Amagowuli ephumelele ngawo iPirates afakwe nguZakhele Lepasa noDeon Hotto.
Ukuphumelela kweBucs kuthetha ukuthi inethuba elihle lokukhusela indebe yeMTN8 okwesibini iminyaka ilandelelana. Nakubeni kunjalo, uRiveiro uthi iqela lakhe liza kudlalela ukuwuphumelela nomdlalo olandelayo weMTN8. “Sifuna ukudlalela ukuphumelela yonke imidlalo esiyidlalayo. Ndicinga ukuba indlela esidlale ngayo ayithi besidlala okweqela elinethemba lokudlala into ebonakalayo xa lidlala umdlalo wesibini kowalo,” utshilo uRiveiro emva komdlalo eKapa ngempelaveki.
Nangona yakhubekayo iPirates emdlalweni wokuqala weDStv Premiership – kodwa emva koko, iyidlale kakuhle yonke imidlalo yayo. Kwiiveki ezine zesini entsha, konke kuhamba kakuhle kwiBucs elwela ukwenza bhetele kunesizini egqithileyo esongwe ineendebe ezimbini yazibekela nendawo nakwiCAF Champions League. Ukukhusela iMTN8 Cup yinto enyanzelekileyo yenzeke ngoba iza kunika amandla abadlali abazimisele ukujijisana neMamelodi Sundowns esaqhubela phambili nebiqhele ukwenza eminyakeni emihlanu egqithileyo.
“Xa singena ebaleni, sifuna ukuwuphumelela umdlalo esiwudlalayo. Sifuna ukuba liqela eliphumelelayo ngamaxesha onke. Ukudlalela ekhaya kuthi yinto ebalulekileyo futhi ekhethekileyo. Into endiqinisekileyo ngayo kukuba siyayihlonipha iStellenbosch FC. Asikwazi ukuyekelela. Usoloko unzima umdlalo esiwudlala nayo. Siza kudlala umdlalo wethu wesiqhelo oya phambili emdlalweni wesibini,” utshilo uRiveiro, ovakalise uchulumanco olukhulu emva kokuba iPirates ibethe iStellenbosch emdlalweni weMTN8 oza kube ukwiveki yamashumi amabini anesihlanu kule nyanga yoMsintsi.
Kufike ixesha lokuba ndibuyele ekhaya, utsho uSiya Kolisi