URiveiro usayithembile iPirates edikidiki kwiCAF Champions League

Emva kokudlala ntanganye eMadagascar ngempelaveki, umqeqeshi we’Orlando Pirates ulindele umsebenzi ongcono emdlalweni olandelayo. UJose Riveiro ukhale ngamathuba angasetyenziswanga yiPirates edlale ntanganye ngeqanda macala neDisciples emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe eMauritius. Isiqalo sePirates esidikidiki sibatyhafisile abantu abaninzi ngoba iDisciples ayiloqela elinamandla ngaphezulu kwePirates noxa ikwazile ukulwa emdlalweni ogqithileyo.

Emva kokuba amakhwenkwe wakhe engakwazanga ukusebenzisa amathuba emdlalweni, umqeqeshi ufuna iqela lakhe lenze umsebenzi obhetele ngoLwesihlanu xa lisamkela iDisciples emdlalweni oza kube use’Orlando Stadium ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya. “Besidibene neqela elidlala kakuhle kakhulu futhi liphantse lawuphumelela umdlalo. Ndicinga ukuba omabini amaqela akwazile ukudala amathuba amahle emdlalweni, ” utshilo umqeqeshi wePirates emva komdlalo.

Nakubeni izinto zingayihambelanga ngendlela ebifuna ngayo iPirates – kodwa usenalo ithemba umqeqeshi. “Bekufanele ukuba siwasebenzisile amathuba wethu ukuze siye emdlalweni wesibini sinento esesandleni. Kodwa okubalulekileyo kukuba akufakwanga gowuli kuthi. Sinyanzelekile ukuba siyigqibe le nto ebaleni lethu noxa siza ukuba umsebenzi uza kuba nzima. Kunyanzelekile sizijule emdlalweni olandelayo,” utshilo uRiveiro. IPirates iza kudala iphantsi koxinizelelo olumandla.

Abantu abaninzi baza kuyakhela umkhanyo njengokuba isiya emdlalweni ongoLwesihlanu kule veki. Ukuba iPirates iphumelele, kungenzeka ukuba idibane neJwaneng Galaxy yaseBotswana okanye iAfrican Stars yaseNamibia kumjikelo wesibini. IPirates isazikhona amanxeba emva kokuba yakhiqwa yiJwaneng Galaxy kumjikelo wokuqala weCAF Champions League kunyaka ophelileyo. Kanti kwelinye icala, iStellenbosch FC iphumelele ngamagowuli amathathu kwiConfederation Cup.