URiveiro uveza okwenza uMaswanganyi ohluke kwabanye abadlali

UPatrick Maswanganyi we’Orlando Pirates nomfoti, uYanga Nothanga, emva komdlalo obuseFNB Stadium. Umfanekiso: Uthunyelwe

Umqeqeshi we’Orlando Pirates, uJose Riveiro, uliqhwabele izandla elinye lamajoni wakhe emva komdlalo wangempelaveki. Oku kwenzeke emva kokuba iPirates ibethe iKaizer Chiefs ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eFNB Stadium ebigcwele ichichimba emalanga ngoMgqibelo ogqithileyo.

UPatrick Maswanganyi unconyiwe emva kokuba efake ipenela ephumelele ngayo iPirates emdlalweni obubambene futhi kucaca ukuba uza kuphela amaqela entanganye. UMaswanganyi, 26, wayibethelela indawo yakhe kwiqela likaRiveiro ukusukela oko wanikwa ithuba kwisithuba seminyaka emithathu eyadlulayo.

Ngoku ungomnye wabadlali ekuthenjelwe kubo nakubeni egxekwa ngabaninzi xa izinto zingayihambeli kakuhle iPirates. Ipenela ayifake kuBruce Bvuma iya kuhlala ibhaliwe ezingqondweni zabalandeli bePirates ngoba ibanike ivuyo olungunaphakade bedlala notshaba lwabo olukhulu ebholeni yaseMzantsi Afrika.

“Bendisazi ukuba ikhona into evelayo emdlalweni, uMaswanganyi uza kuyithatha ibhola ayifake,” utshilo umqeqeshi echwayitile emva komdlalo. “Nakubeni abantu bethanda ukumgxeka uPatrick, ndixelele ukuba ukhona na umdlali othathela kuye uxanduva njengaye. Ufuna ukuba sebholeni ngamaxesha onke. Wenza iimpazamo ngoba usoloko esemdlalweni.

“Sisikelelekile ukuba nomdlali onjengaye. Ngamanye amaxesha wenza izinto ekunzima ukuziqonda – kodwa ke ndifuna adlala ngendlela yakhe xa esebaleni. Yileyo kuphela indlela ongamenza avelise umdlalo osemgangathweni ophezulu. Namhlanje usibonisile ukuba ungumdlali onjani ngokuthatha ipenela ngexesha elinzima.

“Bambalwa abadlali abanesibindi njengaye uPatrick. Ewe, xa izinto zingahambi kakuhle – ndiyazi ukuba kugxekwa yena. Ndiyamvuyela kodwa emva kwento eyenzeke eKapa kutshanje,” utshilo uRiveiro. Emva kokufumana amanqaku amathathu, iPirates iwucuthe yangamanqaku amathathu umsantsa Phakathi kwayo nePirates.