Umqeqeshi we’Orlando Pirates, uJose Riveiro, uzamkele ngovuyo iziphumo zomdlalo weCAF Champions League. IPirates ibuyele ekhaya idloba okwamathole emva kokuba ibethe iCR Belouizdad ngo’2-1 emdlalweni obubanjelwe eStade du 5 Juilet izolo ebusuku.
Amagowuli ephumelele ngawo iPirates afakwe nguMohau Nkota – umdlali oselula ngeminyaka – kodwa oyinkathazo ngendlela emangalisayo xa kuhlaselwa. UKhanyisa Mayo, odlala eAlgeria kule sizini, ufake igowuli lokubika leCR Belouizdad.
Ebeqala ukufaka igowuli izolo ukusukela oko wafumana iqela elitsha uMayo. Phantsi kukaRiveiro, kokokuqala ifikelela kwisigaba ekuso ngoku kwiCAF Champions League. Kunyaka ophelileyo yashiya abantu abaninzi bephoxekile emva kokuba yakhutshwa liqela laseBotswana.
Abadlali bePirates badlale kamnandi kwiChampions League bekhuthazekile emva kokuthatha iMTN8 Cup kutshanje nokuqhuba kakuhle kwabo kwiBetway Premiership. Nangona kunjalo, uRiveiro uthe iqela belizilungiselele ukudlala ngendlela eyahlukileyo.
“Besisazi ukuba isingqi somdlalo siza kwahluka kancinci kwesiqhelekileyo. Umdlalo wethu ubumhle kwisigaba sokuqala ngoba besidlala ngokuzithemba okukhulu. Injongo yethu ibikukuqhuba kakuhle kakade emdlalweni.
“Ndingatsho ukuba emva komdlalo obunzima, siphume kuwo siliqela elibhetele. Ukufumana amanqaku amathathu yeyona ndlela elungileyo yokuqala kwisigaba esikuso ngoku kwiChampions League. Ndiyaziqhenya ngomsebenzi owenziwe ngabadlali bam namhlanje,” utshilo umqeqeshi wePirates emva komdlalo izolo.
Nangona isigaba sokuqala isidlale kakubi iCR Belouizdad ekufakwe kuyo amagowuli ayitheze amandla – kodwa okuye kwancomeka kukuba idlale umdlalo obhetele kakhulu kwisigaba sesibini.
Iyicishilele iPirates ebivala amazibuko macala onke – kodwa ngelishwa layo, ayikwazanga ukongeza elinye igowuli ngaphezulu kwelifakwe nguMayo obekade edlalela iCape Town City. Kodwa indlela edlale ngayo eyimxhalabisanga umqeqeshi wePirates ngoba ibidlalela kude kwiindawo eziyingozi.
Ayakhala amafama aseMelika ngesigqibo sikaTrump