URob Walter uncoma inkqubela kwiProteas phambi kweNdebe yeHlabathi

UKagiso Rabada noogxa bakhe boMzantsi Afrika emva kokubetha iAustralia emdlalweni wosuku olunye eSupersport Park Stadium. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Njengokuba kushiyeke iiveki ezimbalwa phambi kokuqala kwetumente yehlabathi yeqakamba, akekho umntu oncume futhi onethemba njengomqeqeshi weqela lesizwe loMzantsi Afrika, uRob Walter. Ngexesha lokuphetha amalungiselelo, iProteas inyuse imxakatho yabetha iAustralia ngo’3-2 emimdlalweni yosuku olunye. UMzantsi Afrika ubethe iAustralia ngemitsi elikhulu elinamashumi amabini anesibini (122) emdlalweni obubanjelwe eSuperSport Park Stadium emini ngeCawe egqithileyo. Ikhutshwe yonke iAustralia iqhokre ikhulu elinamashumi alithoba nesithathu (193). Kanti wona uMzantsi Afrika wenze imitsi engamakhulu amathathu aneshumi elinesihlanu (315). Ngumsebenzi omhle futhi ophucukileyo owenziwe liqela likaWalter ebelitywatyushwe yiAustralia emidlalweni yovavanyo phambi kokuqala kwemidlalo yosuku olunye.

Ukubetha iqela elifana neAustralia eyingozi kunika ithemba kubalandeli boMzantsi Afrika njengokuba kubotshwa imithwalo kulungiselelwa ukuya e-India – apho amazwe ehlabathi aza kube ekhuphisana khona ngeNdebe yeHlabathi. “Into ebisemqoka kuthi kukuqinisekisa ukuba bonke abadlali bethu abaqhokrayo baya lifumana ithuba lokudlala,” utshilo umqeqeshi emva kokuba iqela lakhe lingombe iAustralia. “Okwenzeke emdlalweni ayikuko konke ebesikucwangcisile. Siye sanyanzeleka ukuba sixoze omnye umphini ngenxa yokonzakala kwabadlali ebudeni bendlela. Kodwa okuhle kukuba abadlali bethu abaphambili ekuqhokreni balifumene ithuba lokudlala emdlalweni osemgangathweni ophezulu kanye ngendlela ebesifuna ngayo,” utshilo uWalter emva komdlalo eGoli.

Emva kokubethwa kweProteas emidlalweni egqithileyo, uWalter uthe iqela lakhe beliyidinga impumelelo enjengale liyifumeneyo ukuze liye linamandla kwitumente yehlabathi eliza kudibana kuyo neSri Lanka emdlalweni wokuqala ngomhla wesixhenxe kwinyanga yeDwarha, eDelhi. “Akukho nto ezenzekelayo eqakambeni. Iziphumo ezihle sizufumene ngoba sizilolongile kakuhle ebusika. Kodwa ke akukho nto eyodlula ukudlala neqela elisemgangathweni ophezulu. Ndonwabile emva komdlalo wanamhlanje. Nangona siphuncule iibhola ezimbalwa – kodwa okuhle kukuba asiyophulanga mithetho. Siwasebenzise kakuhle kakhulu amathuba esiwafumeneyo. Phantse kuzo zonke iindawo eqeleni, kukho inkqubela ebonakalayo futhi umdlalo wethu uphucukile,” utshilo uWalter.