URob Walter unethemba lokuphucuka komdlalo weProteas!

Umqeqeshi weqela lesizwe loMzantsi Afrika leqakamba, uRob Walter, uthi zimphoxile iziphumo zakutshanje – kodwa uza kuqhubela phambili nokulwela iziphumo ezihle. OkaWalter ukuthethe oku emva kokuba iProteas ikhe phantsi isitya sigcwele idlala ne-Ireland emdlalweni weT20I obubanjelwe eAbu Dhabi. UMzantsi Afrika ubethwe ngemitsi elishumi kuphela – kodwa uzamile ukulwela impumelelo. Kanti phambi koko, uMzantsi Afrika ububethwe yiAfghanistan emdlalweni wosuku.

Emva kokubambana neAfghanistan emidlalweni yosuku phambi koweT20I, uRob Walter uvumile ukuba iqela lakhe alifumananga iziphumo ebelizifuna. Kodwa nakubeni kunjalo, baza kuqhubela phambili nokuzama. “Sifuna abadlali bethu abatsha bakwazi ukumelana nemidlalo enzima. Kubalulekile ukuba bazazi izinto ezifuna ukuphuculwa emdlalweni wethu,” utshilo umqeqeshi emva kokuba uMzantsi Afrika ubethwe yiAfghanistan okokuqala kwimbali yemidlalo yosuku yeqakamba.

Njengokuba Amabhokobhoko neembaleki ziqhube kakuhle kwinqanaba lehlabathi, uxinizelelo likumaqela afana naBafana Bafana neProteas. “Asikwazanga ukufumana iziphumo ebesinethemba lazo. Okuxolisayo kukuba besidibene namaqela omeleleyo kwiqakamba. Abanye babadlali bethu abasakhulayo bafumene ithuba lokudlala iqakamba ngendlela encumisayo. Bafundile kwizinto ezenzekileyo emidlalweni kwaye sinethemba lokuba indlela abadlala ngayo iza kuphucuka ukuya phambili.

“Kubuhlungu ukubethwa emidlalweni – kodwa siyazingca ngeqela lethu. Siyabazi abantu ukuba bafuna siphumelele, nathi sifuna lo nto. Bekufanele ukuba siyibethile i’Ireland – kodwa ke ngoku sizama ukulungisa izinto ukuze sidlale umdlalo obhetele. Sizimisele ukugxila kwizinto ezintle emdlalweni wethu. Kufuneka sibe nomonde – kodwa silindele umdlalo ophucukileyo,” utshilo uWalter. UMzantsi Afrika ulungiselela ukudibana ne’Ireland kwakhona emimidlalo yosuku emithathu eza kuqala ngoLwesithathu wale veki.