URobyn Johannes uthi bayilungele iSuperSport United ngomso

Robyn Johannes and Roland Putsche of Cape Town City celebrate their win after the 2017 MTN8 Semifinal 1st leg fixture between Cape Town City and Bidvest Wits at Cape Town Stadium on 27 August 2017 © Ryan Wilkisky/BackpagePix

UKapteni weCape
Town City
, uRobyn Johannes, uthi iqela lakhe
linabadlali abanamava awoneleyo kwaye bakulungele ukumelana nomthwalo kumdlalo
wangomso. Eli qela laseKapa lidibana neSuperSport United kumdlalo wokugqibela
kwiMTN 8 Cup ozakube ungentsimbi yesixhenxe ngorhatya eMoses Mabhida Stadium. Esichengeni
kukho izigidi ezisibhozo zerandi (R8-million) eziza kuhamba neqela
eliphumeleyo. Nangona iCity ikwisizini [yayo] yesibini njengeqela laseKapa –
kodwa inethuba lokubamba indebe yesibini emva kokuphumelela iTelkom Knockout
kwisizini egqithileyo.

Khange kuphelele
apho ngoba [iCity] ikwazile nokuqhuba kakuhle kwimidlalo ye-Absa Premier Soccer
League – into ekhokelele ekuvaleni kwayo isizini ibambe indawo yesibini. Yiyo
lo nto iCity ithathwa njengamanye wamaqela anobungozi kwibhola yelizwe
loMzantsi Afrika. UJohannes uyabuqonda ubunzima iqela lakhe elizakugagana nabo
ngomso – kodwa uthi kunyanzelekile baqinise imiqolo. “Sibonwa njengeqela
elikhulu, asiselilo iqela elincinane ngoku. Ngoku sasisiza kweli qela sasisazi
kakuhle ukuba sizokwenza imbali apha. Ukudlala kwiindebe ezimbini kwiminyaka
nje emibini kuyinxalenye yoko – kodwa akuthetha nto oko ukuba asiwuphumeleli
kulo mdlalo,” utshilo uJohannes.

ISuperSport
United seyizenzele igama kwibhola yaseMzantsi Afrika njengeqela eliphambili
kwicala lokuqokelela iindebe. Kwiinyanga ezine ezidlulileyo, Amatsatsantsa
aphumelela indebe yeNedbank emva kokuguqisa phantsi i-Orlando Pirates kumdlalo
owawuseThekwini. “Kufuneka umoya wethu ube phantsi ngoba umdlalo uzakuba
mkhulu. Ndiyathemba abantu bazakuphuma ngobuninzi babo. Sinabo abadlali abanamava
kwimidlalo efana nale; ndiqinisekile ukuba bayakuthi bakwazi ukumelana
noxinizelelo,” utshilo uJohannes.

Nangona engasekho
uLebogang Manyama – oyena mdlali obeyingozi kakhulu noyincedileyo iCity
kwisizini edlulileyo – kodwa ubukho babadlali abafana no-Ayanda Patosi, uTeko
Modise noLehlohonolo Majoro kunokuwenza umahluko omkhulu kulo mdlalo. Ukuba
iCity iyaphumelela kulo mdlali, lo nto iyakunika uBenni McCarthy indebe
yokuqala njengomqeqeshi oyintloko emva kwee nyanga ezimbalwa ekweli qela.